Azihambanga kakuhle izinto phakathi kukaMothiba neStandard de Liege

Izinto azihambanga kakuhle phakathi komdlali weBafana Bafana uLebo Mothiba neqela laseBelgium iStandard de Liege emva kokungavumelani ngemali azakuyifumana lomdlali woMzantsi.

Bekubonakala ngathi izivumelwano zizizo phakathi kweliqela noLebo ntonje iikomityi zijikile ngoku. Yonke lento yokuba uMothiba eye wagqiba ukuvavanywa kwezempilo yayimpumelelo nebekhe sanika ingxelo ngayo kwinqaku eligqithileyo siyiEC INDABA iphelele eboyeni kuba kungavunyelwenanga ngumdlali neqela laseBelgium.

Ithi into ngoku uLebo Mothiba weBafana Bafana nobesakudlalela iqela laseFrance iRC Strasbourg nabathe bohlukana ukuphela kwesizini esisuka kuyo, ngoku akakabi namsebenzi usakhangela.

ULebo sele evela kudlalela neqela iLille kwelaseFrance kanti ebekwimbolekiso kwiqela lalapho iTroyes ukuze afumane ukonzakala edlale imidlalo embalwa waphoswa nakukuya kudlalela iqela lesizwe lebhola ekhatywayo loMzantsi iBafana Bafana kwiAfrica cup of Nations eIvory Coast kunyaka ophekikeyo.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
91 %
0.4kmh
96 %
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
25 °

EZITHANDWAYO INDABA