Ibutho looKhetshe eMpuma Koloni libambe ipolisa elinamashumi amabini anethoba (29) ubudala kwakunye noneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu (36) obesebenza njengomgaleli we Petrol ngezityholo zobuqhophololo eBizana.
Isithethi sookhetshe uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana uthi kutyholwa ukuba ipolisa liye lasebenzisana nomgaleli wepetroli ukuba basebenzise ngobuqhophololo ikhadi lepetroli lamapolisa ukuzalisa isithuthi sikarhulumente.
“Ngomhla weshumi elinesithathu kweyeSilimela ngo2023, kutyholwa ukuba ipolisa lathatha isithuthi samapolisa sasisa kwigaraji yasekuhlaleni ukuya kugalela amafutha, emva koko kwafunyaniswa ukuba ipolisa lenze iyelenqe nonomsebenzi wasegarage ukuba lisebenzise ubuqhophololo ikhadi lepetroli enze ngathi ugcwalisa isithuthi sikarhulumente,” utshilo uMhlakuvana.
Aba babini batyholwa ukuba baqulunqa le ntengiselwano yobuqhophololo kwisixa-mali esiyi-R1269-90 kwaye kwaphinda kwadizwa ukuba abarhanelwa bazalisa isithuthi samapolisa ngesixa-mali esingama-R869-90.
Ngethuba kuhlolwa isithuthi, kwafunyaniswa ukuba urhulumente ulahlekelwe yi-R400.
UMhlakuvana uthi uphando lubonise ukuba bobabini abatyholwa baxhamle ngokulinganayo kule mali.
Aba babini babanjwe ngoLwesine kwaye bazakuvela okokuqala kwinkundla yengingqi yaseMthatha ngoLwesihlanu.