11.1 C
King William's Town
Sunday, July 20, 2025

Babanjwe eJeffreys Bay abarhanelwa abathathu bokubulala

Iphulo elidibeneyo phakathi kwamapolisa aseHumansdorp naseKariega likhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa abathathu ekukholelwa ukuba bayayanyaniswa nokubulawa kwabantu abathathu ekuqaleni kwale veki.

Isithethi samapolisa, uColonel Priscilla Naidu, uthi babanjwe ngoLwesine emva kwemini.

Uthe abaphandi bebephumeza isigunyaziso sokugqogqa kwindlu ekwisitalato iCamphor eJeffreys Bay apho aba bathathu, abaneminyaka engama-23, 33, nama-34 ubudala, babanjwa khona.

“Ekugqogqen indlu ngabezomthetho, kwafunyanwa imipu emithathu engenazimpepha kunye neembumbulu,” utshilo uNaidu.

Wongeze ngelithi “aba barhanelwa banokubandakanyeka kukubulawa kwabantu kathathu okwenzeka eKamesh ngokuhlwa ngoLwesibini”.

UNaidu uthi la maxhoba mathathu adutyulwe ehleli emotweni ngaphandle kwevenkile kwiSitalato iNtshinindo kwilali yaseMandela kwindawo yamapolisa eKamesh.

Eli phulo libandakanya amalungu eQela leTactical Response Team (TRT) asuka eMotherwell eGqeberha kwakunye namalungu ePublic Order Policing (POP) aseKaladokhwe.

UNaidu uthe aba bathathu kulindeleke ukuba bavele enkundleni ngoMvulo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
11.1 ° C
11.1 °
11.1 °
84 %
2.9kmh
0 %
Sun
27 °
Mon
19 °
Tue
13 °
Wed
23 °
Thu
15 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks