Babanjwe eJeffreys Bay abarhanelwa abathathu bokubulala

Iphulo elidibeneyo phakathi kwamapolisa aseHumansdorp naseKariega likhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa abathathu ekukholelwa ukuba bayayanyaniswa nokubulawa kwabantu abathathu ekuqaleni kwale veki.

Isithethi samapolisa, uColonel Priscilla Naidu, uthi babanjwe ngoLwesine emva kwemini.

Uthe abaphandi bebephumeza isigunyaziso sokugqogqa kwindlu ekwisitalato iCamphor eJeffreys Bay apho aba bathathu, abaneminyaka engama-23, 33, nama-34 ubudala, babanjwa khona.

“Ekugqogqen indlu ngabezomthetho, kwafunyanwa imipu emithathu engenazimpepha kunye neembumbulu,” utshilo uNaidu.

Wongeze ngelithi “aba barhanelwa banokubandakanyeka kukubulawa kwabantu kathathu okwenzeka eKamesh ngokuhlwa ngoLwesibini”.

UNaidu uthi la maxhoba mathathu adutyulwe ehleli emotweni ngaphandle kwevenkile kwiSitalato iNtshinindo kwilali yaseMandela kwindawo yamapolisa eKamesh.

Eli phulo libandakanya amalungu eQela leTactical Response Team (TRT) asuka eMotherwell eGqeberha kwakunye namalungu ePublic Order Policing (POP) aseKaladokhwe.

UNaidu uthe aba bathathu kulindeleke ukuba bavele enkundleni ngoMvulo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
17.8 ° C
17.8 °
17.8 °
88 %
1.9kmh
98 %
Sun
17 °
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
31 °
Thu
33 °

EZITHANDWAYO INDABA