Umlilo omkhulu oqhambuke kudederhu lwevenkile “Shopping Complex” yakwaBoxer kuKomani phezolo utshise iivenkile ezininzi.
IRiders Towing kunye nabacimi-mlilo abangamaVolontiya abasuka kwiCandelo lokuPhendula ngokuKhawuleza edolophini baphendule kumlilo omkhulu emva kokufumana umnxeba malunga ne-10:55 pm.
UJuan van der Walt wale yunithi uthe iivenkile ezintathu zitshatyalaliswe ngokupheleleyo ngulo mlilo.
Uthe bafike kwindawo yexhwayelo balwa nalo mlilo de kwabetha intsimbi yesine kusasa ngoLwesihlanu.
“Sikwazile ukonga iivenkile ezilithoba eziquka iBoxer Stores. Asikwazi ukufikelela ngaphakathi [njengoko] kuseshushu kakhulu.”
Uthe unobangela womlilo awukacaci.
Umasipala wase-Enoch Mgijima akafumanekanga ukwenza ilizwi, kodwa ngokweengxelo zonxibelelwano, akukho zicimamlilo zithunyiweyo kumasipala wale ndawo.
Umnxibelelanisi kamasipala waseKomani Border Kei Chamber of Business’ uAdre’ Bartis, uthe akukho mtu nzakeleyo oxeliweyo.