Ubungakanani bempatho-gadalala kumaqela asesichengeni egameni “lemirhumo yokhuselo” enyanzelekileyo eMthatha-West ifikelele kwinqanaba elibi. Abantu abaphila nenkubazeko eMthatha eMpuma Koloni sele bengabona bantu bakutsha nje ekujoliswe kubo kwizityholo zokurhwaphiliza ukuze bafumane ukhuseleko, nanjengoko kuthe gqolo ukonyuka ubuqhetseba kweli phondo. Bathi banyanzelwa ngabaphuli-mthetho kwaye bagrogrisa ngokuhlawula oko kubizwa ngokuba ‘yimali yokhuseleko’ xa kuqhekezwa.
Ngokwengxelo yeSABC amanye amaxhoba azizithulu neemfama. Ingxelo ithi banyanzelwa ukuba banikezele ngezitshixo zendlu yabo kwabatyholwa ngootsotsi kwaye baphume ezindlwini zabo ukuba bayala.
Ethetha nabeendaba beSABC uNomzingisi Nomgogwana olixhoba uthe Akazange aphume kwindawo yakhe. Uthi uvale indlu ixeshana elingephi emva koko, watshixa esangweni bafika okwesibini befuna izitshixo kwafika amapolisa ngelo xesha efuna izitshixo zam.
“Singamaxhoba emali yokhuseleko ngendlela esiphazamiseke ngayo ebomini bethu kuba olu khuseleko aluqhelekanga kuthi kuba (besisoloko) sihlala sikhululekile apha, kuba i-Efata likhaya lethu, yindawo esizinze kuyo. ngokukhululekileyo nangobulungisa,” wongeza uNomgogwana.
Kwizehlo zase Efata kutyholwa ngobuqhetseba bokuba kuliwa ngesiqwengana somhlaba walendawo ekutyholwa ukuba bayayiphanga
“Abantu bokuqala abacanda loo mhlaba ngabo bahlala apho, besithi bangabasebenzi base-Efata complex. Kwaye sabanqanda ukwenza lo nto, sisithi ngenene bangabasebenzi, kodwa abanako ukucanda umhlaba woluntu ndabanika bonke isiqwenga sabo somhlaba ngaphandle kwentlawulo,” utsho uBhishophu Yolelo oyiNkosi yaseMthatha West kwingxelo ekhutshwe ngabakwa SABC.
No
Aba bahlali bathi ulwaphulo-mthetho luyanda kule ndawo kwaye abasokuze banikezele ngezindlu zabo kwabo bazenza oonqevu.
“Ezi zigebenga zifika ezindlini zethu, zifune imali yokhuseleko zisithi ziyasikhusela kootsotsi. Bafuna ukuba sibhatale ngenyanga kwaye ngelishwa, asinakuyenza loo nto. Asikwazi ukurenta ezizethu izindlu, akunjalo,” litshilo ixhoba, uSonwabo Mankuntywana kulengxelo
Iinkokeli zasekuhlaleni zibize amaqela achaphazelekayo ukuba afumane isisombululo kule ngxaki ngoxolo.
Isebe lezophuhliso loluntu eMpuma Koloni likugxekile ukuphathwa gadalala kwamaqela asesichengeni kwaye lacela ii-arhente zogcino-mthetho ukuba zithathe amanyathelo akhawulezileyo ngakubantu abatyholwa ngolwaphulo-mthetho.
UMzukisi Solani, osisithethi soPhuhliso loLuntu eMpuma Koloni uMphathiswa weSebe lezoPhuhliso loLuntu usoloko ethathela ingqalelo nasiphi na isenzo solwaphulo-mthetho esihanjelwa kwicandelo elisemngciphekweni kuluntu, kwaye eli candelo libandakanya abantwana, abasethini, abantu abadala kunye nabantu abakhubazekileyo. Esithi ke, nabo bafuna ukusibiza esi senzo, isenzo solwaphulo-mthetho. USolani uthi bahlaba ikhwelo kwi-arhente yogcino-mthetho ukuba ijongane ngokugqibeleleyo nabani na osebenzisa gwenxa kwaye aphathe kakubi abantu abasesichengeni kuluntu.
Abantu abahlanu sele bebanjiwe kwaye bajongene nezityholo zobuqhetseba, kulindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi yaseMthatha ngoLwesibini umhla wamashumi amabini anesithathu kweyeKhala (23) ukuze bafake isicelo sebheyile.
Iqela lamashishini eMthatha kunyanzeleke ukuba avale ngezityholo zokuhlawuliswa imali yokhuseleko

