Lube yimpumelelo ugqogqo lamapolisa eSara Baartman

Kwimpelaveki edlulileyo amapolisa aqalise amaphulo oxinaniso oluphezulu olusuka kwizikhululo ezahlukeneyo (iGraaff Reinet, iAddo, iThornhill neCookhouse) kwiSithili saseSarah Baartman abe neziphumo ezihle njengoko ubuncinane imipu emithathu(3) engenampepha-mvume ithe yasuswa kubaphuli-mthetho.

Amapolisa ebebanga isithuba kubaphuli-mthetho ngokuthatha inxaxheba ekujikelezeni ngeenyawo kananjalo nokumisa nokugqogqa kwiindawo zabo zamapolisa kwaye akwazi ukubamba abarhanelwa abalishumi elinesithathu (13) abaphakathi kweminyaka elishumi elinesithandathu (16) nengamashumi amahlanu anesibini (52) ngenxa yobugebenga obususela ekufumaneni iziyobisi, ukuba nemipu ngaphandle kwempepha-mvume. iimbumbulu, ukuphanga ishishini nokuba nempahla ekurhaneleka ukuba ibiwe. Izixhobo eziyingozi kunye neziyobisi (mandrax,Tik) ezinexabiso lesitrato elingaphezu kwamashumi asixhenxe amawaka (R70 000.00) zathinjwa njengenxalenye yothintelo lolwaphulo-mthetho. Ngexesha lolo phulo, amapolisa afumana ubuncinane imipu emithathu (3) engenaphepha-mvume kunye neembumbulu

Abarhanelwa bazakuvela kwiinkundla zikaMantyi ezohlukeneyo ngomso, umhla wamashumi amabini anesibini (22) kweyeKhala.

UMkomishinala weSithili saseSarah Baartman uNjengele Zolani Xawuka uwaqhwabele izandla amalungu ngokuzinikela kwawo ekuqinisekiseni ukuba abemi beli bakhuselekile kwaye bakhuselekile. “Siza kuqhubeka sisenza imisebenzi kwaye sisuse imipu neziyobisi ezingekho mthethweni ezitalatweni,” wongeze watsho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA