Babhubha abantwana(3) emva kokutya iNoodles

Amapolisa aseGqeberha aphanda ityala lokubhubha kwabantwana abathathu kwilokoshi yaseMotherwell ngeCawa. Ababantwana baphakathi kweminyaka elishumi elinanye(11) esixhenxe(7) kunye nosana oluneenyanga ezine(4 months) kuphela luzelwe.  

Kuvakala ukuba ngoMgqibelo umhla we(6 November 2021) aba bantwana bathathu bahambe notatomkhulu kunye nomakhulu wabo beyokutyelela izalamane eNew Brighton. Bahleli khona, ze ngeCawe usuku olulandelayo intombi le iminyaka ey11 ubudala yaya evenkileni ukuyokuthenga ipakethi yenoodles. 

Wandule ngokupheka, ze zakuvuthwa baphaka batya abantwana phambi kokuba bahambe bebuyela eMotherwell.

Ukufika kwabo ekhaya eMotherwell, uSinothando Ngwendu(11) ukhale ngokuba caphucaphu(nausea) ze uninakhulu wamnika amanzi wasela. Kuthe kusenjalo walandela omnye ogama linguOlwam Ngwendu(7) naye ekhala ngokuqaqanjelwa sisisu kunye nobucaphucaphu.

Baye ke baleqiswa kwiziko lezempilo(clinic) elikufutshane apho babhubhe besesendleleni eyakhona. Kungekudala emva kokuba aba babini bemkile ukuya esibhedlele, uAthenkosi Ngwendu(4 months) naye uye wasweleka esendleleni eya esibhedlele ngesinye isithuthi ebesilandela aba babini.

Iziko lezempilo lithi lizakwenza uhlolisiso lwemizimba ukuze kufunyaniswe oyen nobangela wokubhubha kwabo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
43 %
1kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
30 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA