Ayifikanga igalelekike iBerlin November 2021

Abathandi bolonwabo, nomculo bazakonwatyiswa sisigantsontso somculo odume kakhulu kweli loMzantsi Afrika uDJ Fresh xa ezakugaleleka eMonti ngomhla we27 November. Ngesingesi bathi (He will be bringing the house down)

Abaququzeleli balomsitho baqijisekise ubukho bosaziwayo abaquka uAndile”Nebza” Nebulane, Dumisani Mbebe, Pearl Noxolo Manona odume ngelika(Sphe kuGenerations) nosasazi kaSkhipha Mafiles uSiyabonga Mdalose kunye nabakaSelimathunzi. Kuzakube kukho nabo bathe baphumelela ukhuphiswano lokukhangela umsasazi weBerlin November uLukho Mkwedi kunye noSelathe Mathiya kwaye bazakuba nodliwano ndlebe nosaziwayo ngezemdashoni, ulonwabo kwikhaphethi eBomvu.

“Yonke inkqubo ejongene neBerlin November siqinisekisile ukuba iyahambelana nokuthotyelwa kwemiqathango yeCovid 19 kwaye kusichukumisile kakhulu ukuthengiswa kwamatikiti lukuntu. Kubonakala ngathi abathandi bolonwabo bayilungele lemini emva kwexesha elide ibanjwe yiCovid 19 kwaye bafuna ukonwaba bengena ehlotyeni ngestayike esihle”utshilo uBuntu Bara nokunozakuzaku kwiBerlin November.

Minizi ke neminyebimisitho ecetyiweyo ekhawulelana nalomhla ukhulu nekuquka iHype Berlin November eyonwabisayo ze ngolwesihlanu ibe yiBuzz eVEGAS apho kuzakuphiswa nangamatikiti. Kubekho umboniso weFashoni kwindawo eyaziwa iyiCortex eMonti. Kuzakuyiwa naseMonate Corner apho kuzakuhlanjwa iimoto,kunikezwa namatikiti kwakho ngelixa kubuywa eVEGAS nge26 November.

Kuzakonwatywa kubenjeyaa, ingakumbi xa ukutya kukho, ulonwabo kunye nezithsaba zabo bakuphumelela ngomhla we28 November 2021.” Sifuna ukungenisa iVibe nge-bang kwelixesha lasehlotyeni,” utshilo uBuntu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
30.6 ° C
30.6 °
30.6 °
28 %
4.4kmh
17 %
Wed
27 °
Thu
30 °
Fri
35 °
Sat
26 °
Sun
28 °

EZITHANDWAYO INDABA