Badikwe yiyokosa abahlali belali yaseMqhekezweni kukudlwengulwa kwabo oko.

Amapolisa ePhondo iMpuma Koloni agqibe ekubeni ongeze amaGosa akhethekileyo okulwisana nemikhuba eqatseleyo yokuxhatshazwa ngokwesondo kwabaseTyhini kwilali iMqhekezweni eMthatha.

Oku kulandela izehlo zokudlwengula, ukuqhekezwa kwezindlu nokuphangwa kwabantu okujoliswe kumantombazana asafundayo, namaxhegwazana.

Oku kuza emva kokunxakama kwamaJelo eendaba ngezankxwe zokudlwengulwa kwabantu kwindawo yaseMqhekezweni, ilali apho owayesakuba nguMongameli wokuqala wentando yesininzi uRholihlala Nelson Mandela wayekhulela khona.

Nangona amapolisa engakhuphanga zinkcukacha zaneleyo ngamatyala aphandwayo ngezizehlo, ukususela ngonyaka ka 2021 iiNkokheli zasekuhlaleni zithi, ngamabango okodlwengulwa abalelwa kumashumi amabini emaxhobeni asusela kwiminyaka elishumi elinesibhozo ukuya kwengamashumi asibhozo anesibhozo ubudala babantu. Ukanti iNkulumbuso uOscar Mabuyane uzigxeke kabukhali ezizenzo.

Ingxelo: Zintle Madikane

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
43 %
1kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
30 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA