Abasebenzi beenkonzo ezingxamiseko zoMbuso (EMS) eGqeberha bakhokele intaphane yeemoto ezisingise kwiHolo yeSixeko ngoLwesithathu, beyokuvakalisa inkxalabo nodano lwabo kuhlaselo olunobundlongondlongo lwabasebenzi beenkonzo zikaxakeka kwesi sixeko kutshanje.
Abasebenzi banike uSodolophu womaspala ombaxa waseNelson Mandela Bay uGary van Niekerk uluhlu lweemfuno ezinemiqathango ecetyiswayo kwinto abakholelwa ukuba ingenza indawo abasebenza kuyo ikhuseleke.
Kulo nyaka-mali uphelayo, kuye kwakho uhlaselo olungamashumi amabini (-20) kubasebenzi beenkonzo zikaxakeka kwiindawo ezahlukeneyo zesixeko kulomasipala.
Olu hlaselo luquka ukuphanga kuxhotyiwe, ukuqweqwediswa, izithuko, nokutshiswa kwezithuthi zezigulane (Ambulance) zikarhulumente.
Kwesona siganeko sakutshanje sangoMvulo, iqela likaxakeka liphangwe ngemipu zizixholophithi ezintandathu phambi kwekliniki yakwazakhele. Oluphango lwenzeke kanye emva kokuba abasebenzi behlise isigulana ekliniki.
Abasebenzi aboyikayo bathi bajongana neemeko zobomi okanye zokufa yonke imihla, kwaye bahlaselwa luluntu olulukhonza ngenkuthalo.
Umanejala weSithili kwiinkonzo zikaxakeka uSonia Lupondwana uthe bangqongwe ngabaphuli mthetho. “Abasebenzi bezempilo bajongene nemiceli mngeni enzima. Uluntu lukhala ngokulinda ixesha elide phambi kokuba bafumane ii-ambulensi, logama thina sijongene nokucinga ukuba siyaphila okanye siyafa na xa siphendula kwizikhalazo zabo. Lo nto iyalibazisa ukuba siphendule kwangethuba, kodwa sibonwa ngathi asikwazi kunikezela ngeenkonzo njengoko kufuneka,” utshilo.
Iimfuno zendlela ehlanganisiweyo yokuhanjiswa kweenkonzo kwisisombululo ziquka:
Ukuseka isigqeba esisebenzayo esisekwe kwiiwadi esiza kujongana nemiba yokhuseleko qho ngenyanga, sikhokelwa ngooceba
Ukuseka iqonga lonxibelelwano elisebenzisanayo (i-WhatsApp) eliza kwenza abachaphazelekayo basebenzise amanyathelo okhuseleko kuluntu iiyure ezingamashumi amabini anesine (-24).
Ukudityaniswa kwamaPolisa omaspala ombaxa ekukhuseleni ukhuseleko lwabeenkonzo zikaxakeka eluntwini.
Zibandakanya ukhuseleko lwabasebenzi bezempilo njengomba osisigxina kwibhunga ukuze kuxoxwe ngawo kwaye kubekwe iliso isivumelwano sokuqondana esityikityiweyo nabo bonke abachaphazelekayo kwimiba yokhuseleko lwabasebenzi bezempilo.
Imiboniso yasendleleni yokwazisa uluntu ngokhuseleko lwabasebenzi bezempilo.
Ukanti uVan Niekerk uye wavelana nabasebenzi kwaye wathembisa ukuncedisa ngokusebenzisa ukhuseleko kunye nezibonelelo zeekomiti zempilo yoluntu.

