Bekubhiyozelwa ubomu bosomashishini owaziwayo noyinzalelwane yaseNgqushwa ngoMvulo umhla wesibhozo (8) kulenyanga kaTshazimpunzi kwilokishi iMotherwell eSports Centre.
Abathandi nabaxhasi beshishini lakhe izizalwane nezalamani nabo ebehamba nabo lendlela yokushishina ingakumbi ngotywala bebephume ngobuninzi bezokuthi ndlela-ntle kusomoshishini obefikeleleka ngokutsho kwezithethi ebezichaza konke ezikwaziyo nezikubonileyo ngaye.
UPhilasande Jakavula wasutywa kukufa ngomhla wamashumi amabini anethoba (29) kwinyanga yoKwindla kudekufutshane neshishini lakhe eliseSalamntu ngaseDaku, ubeneminyaka engamashumi amahlanu (53 anesithathu walibonayo ilanga. Ngokwengxelo yabakwantsasana lo somashishini usutywe kukufa emva kokudutyulwa ngabantu abangaziwayo ngethuba kuthululwa uluthotho lweembumbulo kuye nabasebenzi bakhe ababini abebehamba naye ngexesha lesisehlo simasikizi nalapho nabo bathe bachaphazeleka.
Ukanti uJakavula ebesaziwa kakhulu kwilokishi yaseMotherwell nalapho waliqala khona elishishini kwiminyaka engaphantse ifince amashumi amathathu eyagqithayo, indlu yakhe isengamatyotyombe ngeloxesha. UJakavulwa ebesaziwa ngamagama awohlukeneyo luluntu jikelele, ebesele ebizwa ngegama leshishini lakhe uCoke, ekwaziwa njengobhuti maxawambi nguMlungu aphinde abizwe ngesiduko sakhe uTshezi.
UCoke ulishiya eli limagada ahlabayo sele ethe bhazalala ngamashishini ngaphakathi nangaphandle kweNelson Mandela Bay kunjalo nje zonke iindawo zakhe zaziwa ngokuba kukwaCoke, ebesele eshishina nangeendawo zokulala abandwendweli.
Abanye abantu bebengakwazi nokuzibamba eqongeni ngethuba bethetha ngaye bebegixa kunzima nokuthetha ntoleyo ibisenza ukuba umphathi nkqubo abile esoma ezama ukuthuthuzela ebambambazela ukuba baxole.
Omnye obesisithethi uNtombifikile Ndlela umtyibele ngeyona ndlela ingathethekiyo, uthi umazi uCoke kwangethuba isengamatyotyombe kwindawo abahlala kuyo enu-10 eMotherwell esathengisa njengosomashishini osakhasayo, ukwavakalise ukuba uBhuti njengendlela ebebembiza ngayo ebefikeleleka zange atshintshe oko waqala uthengisa ukuzokuthi ga ngoku sele esutywa kukufa, ukwathe bona bengabantu ingakumbi eMotherwell enu-10 balahlekelwe kakhulu kuba ebebahoyile ebanceda kwizinto ezininzi.
“Ndikhumbula ngomnye unyaka kufika omnye ubhuti oneqela lebhola ekhatywayo nowaye wandicela ukuba ndithethe nobhuti ukuba abathengele impala zokunxiba xa bedlala, esithi noko mna uyandimamela, nyhani ndaya kuye zange asokolise wathi kulungile, kuthe kungentsuku zatywala wathumelisa ukuba izinxibo zokudlala zikhona, xa ndibuya ndiyozibona akhonto ingekhoyo nezihlangu zokudlala, saye sagqiba kwelokuba sizakwenza itheko lokuzamkela sibhiyoze, nezonto zokulenza elotheko sazifumana kuye,” ulebele ngelitshoyo uNdlela.
“Ubhuti mna ndimazi iselibobosi la venkile inkulu kangaka ngoku, utshilo uNoxolo, “zange ndimbone mna umntu ongamjongeli phantsi umntu ongathathi ntweni abe yena esisinhanha esivuthumlilo, ubhuti ebethanda kanye abantu abangajongelwanga ntweni, uqhubeke watsho uNoxolo Ntini, “ubhuti ebesixabisile esihoyile esithanda esithi noba awumboni akubulise ancokole nawe ebebathanda abantu ingakumbi abangathathi ntweni, besingosisi kuye ebenembeko ehlonipha esibiza sisi omncinci nomdala, silahlekelwe thina akhomandi kuthi akukho lula kodwa sithi hamba Philasande, hamba mlungu wethu uyosikhonzela, utyatyadule watsho uNtini
Ngokwengxelo yomninawa wakhe uSipho, uPhilasande Jakavula nowaziwa ngelikaCoke, bhuti, mlungu, Tshezi uyakubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela kumngcwabo oyakuqhutyelwa ePeace Park eMotherwell eGqeberha ngolwesihlanu umhla weshumi elinesibini (12) kuTshazimpunzi.
By Siphiwo Boqwana