7.4 C
King William's Town
Saturday, July 19, 2025

Bafumene izigwebo ezide abahlaseli ifama.

By Asipile Kitchen.

Inkundla ephakamileyo yoMzantsi Africa, iCandelo laseMpuma Koloni eMonti ligwebe uOdwa Dyabana (26), uLuthando Ngangelizwe (29) noSiseko Qhayiso (31) ngendima yabo ekuhlaselweni kwefama ngobundlobongela okwenzeke ngomhla wamashumi amabini kweyoMdumba 2024 eLorain Farm eBluewater kufuphi naseMonti.

Esi sithathu sigwetyelwe ukuxhwila, ubuqhophololo obuneemeko ezimanyumnyezi, ukuzama ukubulala namatyala amaninzi anxulumene nemipu. UNgangelizwe noQhayiso bafumene isigwebo seminyaka engamashumi amabini anesihlanu umntu emnye.

UDyabana ufumene isigwebo esongezelelekileyo ngokubulala ngokungenanjongo kunye nokuqhuba ngokungakhathali, nto leyo emenze ukuba agwetywe iminyaka engamashumi amathathu. Bobathathu bachazwe njengabanga kufanelanga ukuba nemipu.

Owesine umtyholwa, uLundi Magobongo (26) wakhululwa emva kokuba inkundla yamkele inguqulelo yakhe yokuba wayengumqhubi we e-hailing oqeshwe ngemvumelwano nowathutha la madoda, engazi ngeenjongo zawo zolwaphulo-mthetho.

INkundla yeva ukuba abatyholwa bafika efama bezenza abantu abafuna ukuthenga izinja. Bakuba befumene ukuthenjwa ngumnini fama, bamtsalela ngasendlini besebenzisa iToyota Land Cruiser. Apho bafika bakhupha imipu, bambophelela, babuyela kwindlu yasefama apho bafika bakhuthuza.

Umnini fama nabasebenzi bakhe abane bahlaselwa, baqweqwediswa ngelixa kusenzeka yonke lento. Abahlaseli bamngcungcuthekisa umnini fama ngokumbophelela, bemtshisa ngamanzi ashushu kwaye bemgrogrisa ngokumqhawula ngesarha ngelizama ukumnyanzela ukuba aveze izitshixo zesefu (safe).

Xa inzame zabo zokufumana isefu zingaphumeleli, abahlaseli basebenzisa izixhobo ukuyikhupha edongeni, bayozilaysha kwiLand Cruiser ebiweyo, babaleka kwindawo yesiganeko ngesithuthi esiluhlobo lweToyota Hilux yexhoba.

Ezi mpahla zibiweyo, ebeziquka iimoto ezimbini, iiumratata, imisesane yomtshato, iwotshi yesandla, iibhaynotyhular nezinye izinto ezixabisekileyo, bezinexabiso elingapha kwama-2.2 ezigidi zeerandi. Ngelixa abatyholwa bebaleka kwindawo yexhwayelo, izithuthi zangquzulana kuhola wendlela uN2 okufitshane neBeacon Bay phakathi kweLand Cruiser, iToyota Quantum neVw Polo, apho umntu olibhinqa wafumana khona ukonzakala emqolo kwaye kamva wabhubhela esibhdlele, abakhweli abalishumi elinesihlanu abashiyekileyo bafumana umonzakalo ongephi. UDyabana wafunyanwa enalo netyala lokumbulala.

Ngelixa bebaleka, isefu yawela kuQhayiso ngelixa iqela lalilandelwa ngamagosa okhuseleko eECO Scorpions kunye neSAPS K9 Unit. UNgangelizwe wawa ngasemva kweLand Cruiser kwaye wabanjwa kwindawo yexhwayelo ngelixa Dyabana wabanjwa kwakufutshane ebaleka ngenyawo. UQhayiso wabanjwa KweyoMdumba 2025.

Bobathathu abatyholwa baliphikile ityala. IGqwetha loMbuso u-Andile Nohiya ukhokele umtshutshisi kwaye wanika ubungqina obubambekayo obuqinisekisa ukugwetywa. Kwingxoxo yokuwisa isigwebo, wahambisa wathi amatyala ayecwangciswe kwangaphambili, akhohlakele, kwaye abangela umonakalo omkhulu ngokwasengqondweni nangokwezemali kumaxhoba nakuluntu olubanzi kumafama.

Esamkela ezi ziphumo, uMlawuli woTshutshiso lwaseMpuma Koloni uBarry Madolo uthe, “esi sigwebo sithumela umyalezo ongqingqwa wokuba ulwaphulo-mthetho olunobundlobongela ingakumbi obo bujolise kuluntu olusengozini njengamafama kunye nabasebenzi babo. INPA ihleli izibophelele ekuqinisekiseni ukuba oko kuyanceda.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
7.4 ° C
7.4 °
7.4 °
86 %
2kmh
0 %
Sat
19 °
Sun
27 °
Mon
18 °
Tue
20 °
Wed
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks