By Buhle Nomgalasa.
ISebe lezeMpilo eRhawutini lithathe amanyathelo angxamisekileyo ukujongana nokungabikho kwamanzi okubangelwe kukulondolozwa kweRand Water.
Umsebenzi oqhubekayo kwiziseko ezingundoqo zeRand Water kwiphondo liphela kulindeleke ukuba zigqitywe ngowamashumi amabini ananye (21) kweyeKhala 2025. Isebe lezempilo lithi ezinye izibhedlele zalo eRhawutini zichaphazelekile. Ekupheleni kukaCanzibe, iRand Water iqalise ugcino olucetyiweyo lweziseko ezingundoqo ukuze iqinisekise unikezelo lwamanzi oluqhubekayo.
Abahlali abaninzi kweli phondo sele bejongene nokuhla kwamanzi okanye ukungabikho kwamanzi. Izibhedlele ezifana neZiko lezeMpilo loLuntu laseHillbrow, Helen Joseph, kunye neCharlotte Maxeke nazo ziyachaphazeleka.
Isithethi sesebe lezempilo eRhawutini, uMotalatale Modiba, uthe, “Into entle kukuba uninzi lwamaziko ethu anenkqubo yogcino-mali esiyisebenzisayo, nokuba ngamatanki eJoJo. Wongeze ngelithi bazakuqhubeka beyijongile le meko.”