15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

Bagwetywe iminyaka elishumi elinesihlanu(15) abadlwenguli yinkundla kaMantyi yaseGcuwa

Ibambela lomkomishinala wesithili saseAmathole uBrigadier Ngangema Xakavu usamkele isigwebo sikaAviwe Siwundla kunye noThembelani Thobelani Xhanywa bobabini baminyaka ingamashumi amabini anesixhenxe(27) yinkundla kamantyi yengingqi yaseGcuwa ngoMvulo umhla woku-1 kweyeThupha ka-2022.
Aba babini bagwetywe iminyaka elishumi elinesihlanu(15) emnye kubo ngokudlwengula owasetyhini oneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu(36) ubudala. Esi sigwebo siza emva kokuba la madoda mabini adlwengule ixhoba ngobusuku bangoMvulo umhla wesixhenxe kweyeThupha kunyaka kac2017.
Aba batyholwa badibana nexhoba xa wayephuma kwilali yaseNqabarha eDutywa. Bambamba baza bamkrwitsha bemnyanzela ukuba aye kwindlu ekufuphi engasasetyenziswayo apho bamdlwengula khona bobabini.
Ityala lodlwengulo lavulwa kwisikhululo samapolisa eDutywa ze ityala elo lagqithiselwa kwicandelo elijongene nobuNdlobongela kuSapho, uKhuseleko lwaBantwana noLwaphulo-mthetho ngokweSondo (FCS) eGcuwa ukuze liphandwe, esi sibini safunyanwa sinetyala saze sagwetywa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks