Bagwetywe iminyaka elishumi elinesihlanu(15) abadlwenguli yinkundla kaMantyi yaseGcuwa

Ibambela lomkomishinala wesithili saseAmathole uBrigadier Ngangema Xakavu usamkele isigwebo sikaAviwe Siwundla kunye noThembelani Thobelani Xhanywa bobabini baminyaka ingamashumi amabini anesixhenxe(27) yinkundla kamantyi yengingqi yaseGcuwa ngoMvulo umhla woku-1 kweyeThupha ka-2022.
Aba babini bagwetywe iminyaka elishumi elinesihlanu(15) emnye kubo ngokudlwengula owasetyhini oneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu(36) ubudala. Esi sigwebo siza emva kokuba la madoda mabini adlwengule ixhoba ngobusuku bangoMvulo umhla wesixhenxe kweyeThupha kunyaka kac2017.
Aba batyholwa badibana nexhoba xa wayephuma kwilali yaseNqabarha eDutywa. Bambamba baza bamkrwitsha bemnyanzela ukuba aye kwindlu ekufuphi engasasetyenziswayo apho bamdlwengula khona bobabini.
Ityala lodlwengulo lavulwa kwisikhululo samapolisa eDutywa ze ityala elo lagqithiselwa kwicandelo elijongene nobuNdlobongela kuSapho, uKhuseleko lwaBantwana noLwaphulo-mthetho ngokweSondo (FCS) eGcuwa ukuze liphandwe, esi sibini safunyanwa sinetyala saze sagwetywa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
84 %
0.5kmh
95 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA