Ibingu qhuuu saa, izizithonga eQonce namhlanje.

Izitalato zaseQonce neziqhele ukuphithizela kanye ngentsuku zikaxakeka zendodla, zidibene neembila zithutha namhlanje. Oku kwenzeke namhlanje kwivenkile yempahla eseQonce, ethe yangenelwa ngoonqevu abebexhobile bezokuphanga.

Ngokwengxelo yempukane eziluhlaza, kuvakala ukuba ibingamadoda amane athe angena eQonce ephanga ivenkile yempahla namhlanje umhla we(4 Aug 2022)

Kukwavakala ukuba omnye udutyulwe wabhubha ngaphandle kwalevenkile logama abanye bebeavalelwe ngaphakathi kulevenkile. Okubi kukuba lamadoda engaphakathi nje kukho nabathengi abebengaphakathi nabo abavaleleke ngenxa yalombodamo.
Isitalato iMaclean sibiyelwe ngeteyiphu yamapolisa kwaye iivenkile zivaliwe, njengoko abarhanelwa bevaleleke ngaphakathi evenkileni.

Amalungu eFlying squad ahamba phezu kophahla lwale venkile, evalela abarhanelwa bevaleleke ngaphakathi. Abahlali baseQonce kunye nabathengi bamise konke ingakumbi  kwimisebenzi yokuthenga, njengoko babebukele lomkhuba umbi wonqevu.

Elibali lisaqhuba…

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA