Amanina amabini aye sakusebenzela ibhanki yakwaABSA agwetywe iminyaka elishumi elinesihlanu (15) ngenxa yobuqhophololo nokurhwaphiliza imali esi sigidi (R1 000 000) seerandi.
UFlorika Shenay Owusu (31) kunye noAbongile Tyusha (30) bagwetywe yiNkundla yezoRhwebo eGqeberha ngobukrelemnqa ababenza besengabaqashwa bakwaABSA phakathi kwenyanga yeNkanga ngo-2019 neyeSilimela ngo-2021.
Esi sibini sasigwetywe iminyaka emihlanu ngobusela nobuqhophololo ze kwisigwebo sabo kwaxhonywa iminyaka emihlanu phantsi kwesizathu sokuba bangaze bawophule uMthetho woLwaphulo-Mthetho olu lungelelanisweyo.
Isithethi soPhando loLawulo loLwaphulo-Mthetho ePhondweni, uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, uthe uOwusu ebesebenza njengomcebisi kwisebe elisePatensie, ngexesha yena uTyusha ethunyelwe kwisebe eliseDutywa lalebhanki.
“Imisebenzi yabo yayikukhupha amakhadi ebhanka kubathengi nokubancedisa ngengxaki zabo abaziyela ebhankini,” utshilo uMhlakuvana.
“Aba batyholwa bavula iiakhawunti ngobuqhophololo besebenzisa amagama abantu ababhubhileyo nabemi bangaphandle ngaphandle kolwazi lwabo. Babekhupha namakhadi e-debit kwezi akhawunti ukuququzelela ukudluliselwa kunye nokukhutshwa kwemali ngobuqhophololo.”
UMhlakuvana uthe ngelo xesha, abasebenzi bakwa-Absa bebengavumelekanga ukuba badize naluphi na ulwazi ngaphandle kwemvume yomthengi.
“Intengiselwano yenziwe ngokomlinganiselo kwaye ngenxa yoko i-Absa ilahlekelwe yimali engaphezulu kwesigidi seerandi.”
Aba babini babanjwa emva kophicotho-zincwadi lwangaphakathi ebhankini.