INkundla yaKwa-Zulu Natal igweba abatyholwa ngokutshisa inina kunye nentombi yalo.

Inkundla yengingqi yaseGrey Town, Kwa-Zulu Natal ibagwebe ubomi kunye minyaka emihlanu bethothoza entolongweni ababntu abathtahu abatyholwa ngokubulala ngokutshisa abantu ababini.

UPhilisiwe Zuma, uThubelihle Shezi kunye noMazwi Lembethe babanjwa ngamatyala amabini okubulala nokutshisa ngo2023.

Isithethi samapolisa, uSiyabonga Nkwanyana, uthi umfi, umama nentombi yakhe, babetyholwa ngobugqwirha kule ndawo. UNkwanyana uthi abantwana abancinci baye bakhutshwa endlwini, ze kwashiywa umama nentombi bengaphakathi ngexesh kutshiswa indlu.

“Kwindawo yexhwayelo amapolisa afumene indlu itshiswe yaluthuthu, aphinda afumana izidumbu ezibini ezitshileyo ngaphakathi endlwini. Abarhanelwa babanjwe ngoko nangoko. Ngokwengxelo abantu ababhubhileyo bahlaselwe ngethuba bebekwindlu yabo bobabini kunye nabazukulwana babo abathandathu.

Esi sibini besityholwa ngobugqwirha kule ndawo. Abantwana bakhutshiwe endlini lwashiywa umama nentombi yakhe bengaphakathi kwindlu etshayo. Abathathu kwabatyholwa abane bafunyenwe benetyala kwaye bagwetywa iminyaka emihlanu entolongweni. Baphinde babhengezwa njengabangafanelekanga ukuba nemipu.”

SourceSABC News

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
24.3 ° C
24.3 °
24.3 °
33 %
3.5kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
30 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA