Bakhululwe nge bheyile abarhanelwa abathathu abatyholwa ngokubulala eKariega

Abarhanelwa Abathathu kwabasixhenxe abatyholwa ngezityholo zokubulala ngokunxulumene nentlawulo ye-inshorensi yobomi banikwe ibheyile kwinkundla kamantyi yaseKariega ngoLwesine.

Abamangalelwa nguSiyabulela Mbane, Ntombeko Msome, Xolelwa Gqirana Msome, Monelwa Gwane, Unathi Peter, Luxolo Mjadu, kunye noPhumelele Mango.

Bajongene namatyala alishumi ubuncinane okubulala kunye namatyala obuqhophololo angaphaya kwamashumi amane, angaphaya kwezigidi ezibini zeerandi.

UMbane noMango bakwajongene nelinye ityala elongezelelweyo lokuba nompu.

Ngokutsho kukarhulumente, abatyholwa benze ngenjongo efanayo xa bethatha i-inshorensi yobomi kumaxhoba angacingelanga phambi kokuba abulawe.

Kwibheyile echasayo, iGqwetha loMbuso uLouis Sinclair uthe lamatyala abandakanya “inqanaba eliphezulu” lobundlobongela, kwaye imipu ethathiweyo inxulumene nokubulala.

USinclair uxelele inkundla ukuba ubomi babahlali busemngciphekweni, ebona ukuba abantu abamsulwa badutyulwe ngethuba kuqhutywa amanye amatyala.

Ukwachaze nokuba sele kubulewe amangqina amabini kwaye uMsome kutyholwa ukuba uye waphazamisana namangqina angaphakathi entolongweni.

Amagqwetha akhusela abatyholwa anoluvo lokuba ityala likarhulumente ngakubaxhasi babo libuthathaka.

Badwelisa iimeko zobuqu zabathengi babo, besithi oko kwakubandakanya iimeko ezikhethekileyo ezivumela ukukhululwa kwabo ngebheyile.

Isiphumo malunga nebheyile, imi ngolu hlobo lulandelayo:

UMbane noMango: Bawayeka amabango abo ebheyile.
Isicelo sikaNtombeko Msome noXolelwa Gqirana Msome sakhatywa.
UGwane, uPeter kunye noLuxolo Mjadu banikwe ibheyile ye-R5 000 umntu ngamnye.
Abamangalelwa babanjwe kumakhaya abo Kwanobuhle naseDespatch kwinyanga ephelileyo.

Amapolisa afumana izigunyaziso zokubanjwa ukuze enze umsebenzi olungelelaniswe kakuhle emva kophando olunzulu oluthathe iinyanga ezili-10.

Ityala lihlehliselwe umhla weshumi elinesibhozo kwinyanga yoMqungu kunyaka ozayo ukuze kuqhutyekwe nophando.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
24.7 ° C
24.7 °
24.7 °
71 %
2.8kmh
76 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA