NgoLwesine, umhla we 18 ku October 2023 inkampani i-Coca-Cola Beverages South Africa ibhengeze iphulo elifikelela kwi-R12 yezigidi zeerandi ekulindeleke ukuba linike idolophu yonke ethwaxwe yimbalela yaseRhafu ngezigidi zeelitha zamanzi aselwayo.
Le projekthi – exhaswa liSebe leSizwe nelePhondo lezaManzi noGutyulo, kwakunye noMasipala weNgingqi waseBeyers Naude – lixhotyiswe ngamandla ombane ahlaziyekayo elanga kwaye liza kuzimela ngokupheleleyo kumbane kaEskom.
Le nkampani ithe *i-off-grid*, yinkqubo yombane ehlala ikwisolar, ebizwa ngokuba yiCoke Ville, yasungulwa eGraaf-Reinett ngentsasa yangoLwesine kwaye kulindeleke ukuba kuxhamle amawakawaka amakhaya.
I-Coke Ville ibalulwa njengenamandla okuzalisa indawo yokugcina amanzi eemega-litha ezili-18 ubuncinane, ubuncinane be-1.5 yeelitha zamanzi ngenyanga.
INtloko yeSebe lezaManzi noGutyulo eMpuma Koloni, uPortia Makhanya, uthi iGqeberha nayo yaxhamla kwinkqubo efana nale ngo2022.
“Asiyiyo yodwa indawo [exhamlileyo] le, bayile naseWalmer eGqeberha kunyaka ophelileyo banikezela ngenkqubo efana nale, bedityaniswa neNkulumbuso [Oscar Mabuyane] kunye noMphathiswa wezaManzi noGutyulo uSenzo Mchunu. njengenxalenye yongenelelo,”
UMakhnya uthi Le yintsebenziswano phakathi kukarhulumente namashishini abucala ethe yenziwa lisebe kwakunye noCoca-Cola waseMzantsi Africa.
ICoke Ville iza iphelele netanki, indowo yokumisa itank (Tank Stand), umngxuma otshixwayo wempompo, inkqubo yealam yokhuseleko, uthango olubiyelweyo olujikeleze itanki kunye neepaneli zesola ezinesango elitshixwayo.
Ukanti iimpompo zibekwe ngaphandle kwesixokelelwano ukuze uluntu lukwazi ukukha amanzi xa lukulungeleyo.