21.3 C
King William's Town
Friday, October 24, 2025

Bakhutshwe imvula isitsho abathyolwa ngokuzingenela ngokungekho semthwethweni kwizindlu ze-RDP

By Sophumelela Singqotha 

Inkampani yabucala eyaziwa njenge-Red Ants ibakhuphele ngaphandle abantu ekuthyolwa ngokuba bazingenele ngokungekho semthwethweni kwizindlu ze RDP eChicken Farm Kufuphi no Mdantsane eMonti izolo.

Kwimvula ibisina Inkitha yentsapho eChicken Farm izibhaqe itsityiswe ngapha komgubasi ngabasebenzi beRed Ants kunye neBCM ngentseni ngoLwesine.

UMaspala ombaxa wesixeko IBCMM kunye nesebe lokuhlaliswa koluntu eMpuma Koloni(Department of Human Settlements) zibhenele ekusebenziseni ikontraka yeenkonzo zeengcali zokugxotha ezinze eRhawutini iRed Ants Security Group, ukuze inyanzelise imiyalelo yokugxotha abo ikholelwa ukuba bangene ngetshova kwizindlu zika Rhulumente ezingekagwitywa.

I-Project yolwakhiwo lwezindlu yayinezindlu eziyi-840, nangona uninzi lwazo lungakhange lugqitywe ngokwesivumelwano sekontraka, inani elibalelwa malunga nesiqingatha sabantu sazingenela sahlala ngokungekho mthethweni kwiminyaka emihlanu edlulileyo. Oku kuthetha ukuba abanini abaselungelweni lezozindlu ngokuluhlu, abakwazi ukubafumana amakhaya abo enxaso karhulumente ngenxa yale meko.

Bangene kwindlu nganye abe-Red Ants kulo mvula, bedudula ukuqala kwimpahla yendlu, izixhobo zombane, imoto kunye nezilwanyana zase Khaya nemfuyo.

Umasipala IBCMM kwingxelo eyikhuphileyo ilichaze oluphulo njengoluye lwanempumelelo isitsho kananjalo ukuba abomthetho nabasemagunyeni bazakuqhubekeka beyijonge ngemehlo lokhozi imeko kulambindi ukuqinisekisa ucwangco nokuthintela udushe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
21.3 ° C
21.3 °
21.3 °
72 %
5.3kmh
60 %
Fri
21 °
Sat
17 °
Sun
14 °
Mon
21 °
Tue
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks