Aba bahlali bajongane ngezithyolo zokuthathela umthetho ezandleni. Eli qela labahlali babanjiweyo likwaquka no Ward Councilor, abantwana besikolo kunye namaxhego. Oku kusemva kokufunyanwa komzimba womfana owoyamaniswa nokudlwengulwa ze kubulawe kuka Mama u Nozipho Ntinti Mtimba (74).
Ngokwengxelo zeKhula EC ezi fumene kubahlali abakufuphi nalemeko esingazokubakhankanya (anonymous sources whose names have been concealed upon request), oku kulandela ukunganeliseki kwabahlali yindlela ingalo yomthetho ehamba ngonyawo lonwabu ngayo.
Kulindeleke ukuba bavele kwinkundla ka Mantyi ku Komani namhlanje umhla weshumi elinesixhenxe kule yeDwarha (17/10/2025) kwizithyolo zokubulala.
SOURCE : Khula EC

