20.1 C
King William's Town
Monday, May 12, 2025

Bangamashumi amabi anesithandathu ootitshala abatyholwa ngokuxhaphaza ngokwesondo kwizikolo zaseMpuma Kapa.

By Asemahle Mbete.

Kulonyaka ka-2025, ootishala abangamashumi amabini anesithandathu eMpuma Kapa batyholwa ngokuziphatha kakubi ngokwesondo, kwaye abahlanu kubo ziinqununu zezikolo.

Abanye babatyholwa bagxothwa, kodwa abaninzi bafumana izilumkiso okanye ukunqunyanyiswa ixesha elifutshane kuba abafundi bengavumi ukunika ubungqina.

Abatyholwa baquka ootitshala abatyholwa ngokubamba abafundi ngokungafanelekanga, bangcungcuthekisi abanye babe nobudlelwane bezesondo nabafundi. Kula matyala kuthiwe thaca amasekela-nqununu amabini, unogada kwanomgcini-zindlu.

Abanye babo sele begxothiwe emva kokufunyanwa benetyala, kodwa abanye basaphandwa nabachazwe kutshanje. UMphathiswa wezeMfundo uFundile Gade uthe: “Ngokomthetho, xa abantwana besiza esikolweni siba ngabazali kubo, ngoko ke nabani na obaphatha kakubi ngokulala nabo ufanelwe kukujongana nengalo yomthetho.”

UGade udize la manani ngethuba ephendula imibuzo yelungu lePalamente ye-DA uHoratio Hendricks. Uthe iinqununu ezintlanu zibandakanyeka kumatyala okuxhatshazwa ngokwesondo nokuxhaphazwa, ezintathu kuzo zityholwa ngokuthandana nabafundi.

Ezi ziganeko zichaziweyo zenzeke kwiindawo ezininzi zeli phondo — ezine e-OR Tambo Coastal, ezine e-Alfred Nzo West, ezine e-Amathole West, ezintathu e-Amathole East, ezintathu kumasipala ombaxa we-Nelson Mandela Bay, ezimbini e-OR Tambo Inland, ezimbini kuMasipala i-Buffalo City, ezimbini ku-Sarah Baartman. Bonke ootitshala abatyholwayo baxeliwe emapoliseni nakwiBhunga looTitshala laseMzantsi Afrika.

Amanye amatyala athunyelwa kwiBhunga lezeMfundo lezoBudlelwane bezaBasebenzi. Kodwa ayingabo bonke abohlwaywa ngokufanelekileyo-abanye bafumana kuphela izilumkiso, ukunqunyanyiswa okufutshane okanye ukuthotywa kwemivuzo yabo. UGade uthe ingxaki kukuba abafundi abaninzi abafuni kunika ubungqina, ngoko ke ootitshala babaleka benezohlwayo ezingephi.

“Umceli mngeni kumatyala amaninzi ngamangqina okanye amaxhoba alayo ukunika ubungqina, nto leyo ekhokhelela ekubeni abo babandakanyekayo babaleke izohlwayo ezingephi,” utshilo.

UHendricks uthe oku ayikokuba ngama-apile ambalwa nje amabi. Ukhumbuze urhulumente ngetyala lentwazana eneminyaka esixhenxe ubudala eyadlwengulwa eMatatiele, nto leyo eyakhokelela kuqhankqalazo noxwebhu lwezikhalazo olunyanzelisa ubulungisa.

“Mazingabikho ezikolweni izityholo zokuxhatshazwa ngokwesondo, ukuziphatha kakubi kotitshala, ukuxhaphaza nokudlwengula,” utshilo. “Kukungcatshwa okungenakuthetheleleka xa umntu okwisikhundla soxanduva, ngakumbi inqununu yesikolo.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
20.1 ° C
20.1 °
20.1 °
25 %
1.8kmh
26 %
Mon
22 °
Tue
25 °
Wed
30 °
Thu
28 °
Fri
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks