By Buhle Nomgalasa.
UMbutho we-African Transformation Movement (ATM) usamkele isigqibo sakutsha nje soMphathiswa wezeMali sokurhoxisa okucetywayo konyuso lweRhafu-ntengo (i-VAT), ulubiza luloyiso olubonakalayo kubemi boMzantsi Afrika abaqhelekileyo kunye nokoyisa koxinzelelo loluntu malunga namanyathelo emali angathandwayo.
Ukuguqulwa, okuza emva kweeveki zesikhalo sikaWonke-wonke kunye nochaso olunzileyo eluvela kuluntu namaqela ezopolitiko, kuthetha ukuba irhafu yentengo-(VAT) iya kuhlala ikwishumi elinesihlanu yepesento-15%, ngokuchaseneyo nezindululo zangaphambili ezichazwe kuhlahlo lwabiwo-mali lwesizwe.
Kwingxelo ekhutshwe leli qela, i-ATM ilincome eli nyathelo “njengoloyiso olubalulekileyo lwe-ATM kwaye, okona kubaluleke kakhulu, kubemi boMzantsi Afrika abema beqinile ngokuchasene noko kunyuka.”
Lo mbutho ubukuchasile ukunyuswa kwerhafu yentengiso, ulumkisa ngesakhono sako sokwenza nzulu ubunzima bezemali kumakhaya esele esengozini.
“Sikholelwa ukuba ukonyuka kweRhafu yentengo-(VAT) kuya kubeka umthwalo owongezelelekileyo kumakhaya asele etsala nzima, nto leyo eqhubela phambili indlala kunye nokungalingani kwisizwe sethu,” ifundeka njalo ingxelo.
“Ukuguqulwa kwesi sigqibo kubonisa amazwi abantu, abaye bavakalisa inkxalabo yabo malunga neendleko zokuphila.” Umbutho ugxininise ukuba esi siphumo sibonisa amandla entshukumo ehlangeneyo kunye nokubaluleka korhulumente ophendulayo ophulaphula abantu bakhe.
“Olu loyiso alukho malunga nomyinge werhafu kuphela, lubonisa amandla entshukumo ehlangeneyo kunye nokubaluleka kokumamela abavoti.”
Ngelixa ivuma imiceli mngeni yemali enzima elijongene nayo ilizwe kubandakanywa ukunqongophala kwengeniso eqikelelwa kwiibhiliyoni zeerandi ezingamashumi asixhenxe anesihlanu (75million).
I-ATM ibongoze urhulumente ukuba ajonge iindlela ezizezinye zokukhusela iinkonzo ezibalulekileyo ngaphandle kokuchaphazela ngokungafanelekanga abantu abahluphekayo.
“I-ATM ikulungele ukusebenzisana norhulumente ekuchongeni izisombululo ezitsha ezibeka phambili ukukhula koqoqosho kunye nokulingana kwezentlalo,” latsho iqela.
Njengoko ilizwe lisiya phambili, i-ATM ihlabe ikhwelo kuNondyebo weSizwe ukuba aqhubeleke nokubonisana nabo bonke abachaphazelekayo ekuyilweni kohlahlo lwabiwo-mali lwexesha elizayo, egxininisa ukubaluleka kobandakanyo kunye nocwangciso lwezoqoqosho lwexesha elide.
Iqela liqukumbele ngokuqinisekisa ukuzinikela kwalo ekukhuthazeni imigaqo-nkqubo ephakamisa uluntu, ubulungisa kwezoqoqosho, kwaye inike ilizwi kwabo bahlelelekileyo.
“Sisonke, siza kuqhubeka sisebenzela ikamva eliqaqambileyo nelinobulungisa kubo bonke.” Isigqibo seRhafu yentengo- (VAT) siphawula isiganeko esibalulekileyo kwezopolitiko nezentlalo, sibethelela ukubaluleka kothatho-nxaxheba lwedemokhrasi ekuqulunqeni umgaqo-nkqubo wezoqoqosho.