Baninzi abalishiyayo iqela laseChloorkop emva kokumka kukaRulani

ISandawana kulindeleke ukuba ibhengeze umdlali wayo wesibini(2) abathe bamtyikitya belungiselela isizini ezayo. Umdlali esele etyikitywe yiSundowns nguKabamelo Kodisang.

Kungoku nje iSundowns isecicini lokubhengeza omnye umdlali abamxuthe sele kubhengeziwe ukuba uzakunxiba izinxibo zebhakabhaka kodwa ngoku upase uvavanyo lwezempilo kwiMamelodi Sundowns. Loo mdlali bekulindeleke adlalele iPirates nguKegan Johannes nodlalela iSupersport United.

Kuba Johannes esenesivumelwano naMatsatsantsa nesiphela ngenyanga yesilimela kunyaka ka2026 nto leyo ezakwenza ukuba iSundowns ingene nzulu empokothweni. Nangona kunjalo iSundowns izama kangangoko ukuhlisa impokotho ngokuthembisa ngokunika iSupersport abadlali ababini(2) uRicardo Goss ongunozinti noNyiko Mobbie ongumdlali wangemva.

UGoss uchithe iisizini ezimbini(2) kwiSupersport ibolekise ngaye iSundowns kanti yena uMobbie bekubolekiswe ngaye kwiSekhukhune United kwisizini esiphuma kuyo. Konke oku kuphelisa obekusaziwa kusithiwa uJohannes nobesakuba yinkokheli yeqela lesizwe lebhola ekhatywayo lamaglugluglu ukutsho abo abangaphantsi kwamashumi amabini anesithathu(23) ubudala, into yokuba uya kwiPirates esuka kwiSupersport United.

Emva komothuko wokugxothwa kukaRulani Mokwena yiSundowns kukho nabanye abalahlayo kweliqela. Amagosa amabini(2) ancedisa ekuqeqesheni eliqela alahlile lawo nguSibusiso Mahlangu noThabiso Moshano.

Ukhona omnye onokulandela ezithendeni nongumhlalutyi wezinga labadlali uSbu Makitla nekungaqinisekwanga ukuba ingaba balandela uRulani kwisini na. uMokwena ugxothwe kwiveki ezimbini(2) ezidlulileyo nangona esebenzele eliqela ngempumelelo njengomqeqeshi oyintloko yeliqela.

uRulani utyhole ngelithi ebefuna ukuhlala kweliqela ixesha elide nto nje unyanzelwe ukuba alishiye. Kubonakala kunokuhamba abaninzi beshiya iChoorkop nalapho kuvakala ukuba obesakuba ngusekela kaRulani Michael Loftman akabonakali nangotshengele.

Kuvakala neengxelo zokuba uLoftman nowazibandakanya neSundowns kunyaka ophelileyo ukwisifundo sabaqeqeshi kwibhola ekhatywayo eEurope. Kananjalo isebe lonozinti lihlile emva kokulahla kukaMarcus Mashilo eyokuzibandakanya nabafana besithende iGolden Arrows.

Kukho neengxelo ezithi iSundowns ifuna ukuthatha okanye iqeshe owayesakuba ngunozinti weBafana Bafana neqela leMaritzburg United uShu-Aib Walters ukuba athathe indawo kaMashilo.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA