Banxunguphele Abafundi Besikolo iKubusie Emva Kokuzixhoma Kogxa Wabo

Uvakalise ukothuka umphathiswa wesebe lezemfundo kwiphondo leMpuma Mpuma Kapa  uFundile Gade ngokusweleka komfundi uKhazimla Funjwa oneminyaka engamashumi amabini (20)  nekutyholwa ukuba uzibulele kwikhaya lakhe izolo. UKhazimla nobefunda ibanga leshumi kwisikolo iKubusi Combined, e-Cumakala uyewafumana imvume yokuphuma eskolweni phambi kwexesha ebika ingulo, efuna ukutyelela iziko lezempilo ekuhlaleni, ndaweni yoko ingxelo ithi usuke wagoduka ze wazixhoma.

Isebe lezemfundo lihlanganise iqela lamacandelo ohlukeneyo (multidisciplinary team) ukuze libonelele ngeenkonzo zokuxhasa elikhaya, abafundi nootishala kuxinizelelo lomphefulo nengqondo abanokuthi babe bajongene nalo ngenxa yesisi thwakhumbe sehlileyo.

Umphathiswa uFundile Gade ucele ukuzola lo gama amapolisa aphanda ngesi sehlo, evakalisa amazwi ovelwano kusapho lakwaFunjwa ngeli xesha linzima.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
28 ° C
28 °
28 °
51 %
0.9kmh
43 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA