Lisahamba ngocwangco uvoto oluqhubekayo kwisikhululo sovoto esizinze kwisikolo samabanga aphakamileyo iFezeka eNgqushwa.
Amaqela amabini ezopolitiko, i-ANC kunye neEFF abonakala ethe bhazalala phambi kwesango lesisikolo, evuma iingoma zawo ezohlukeneyo zomzabalazo.
Nangona kunjalo iqela le EFF livakalise amakhwiniba ngokungoneliseki emva kokuba kwesisiskhululo betyhola ngelithi, ngobusuku bayizolo kwesisiskhululo kuohume ibhokisi ephethe iivoti zabantu iphuma ingavalwa. Ukanti Amabharethi abomvu akwatyhola ngelokuba abantu abebephethe ezibhokosi batyholwa ngelokuba, bayifumene ingavalwanga kwasekuqaleni. Ukanti okhokhela iEFF eNgqushwa uSimthembile Khala uthi lomba usezochotshelwa.
Kusenjalo, owayesakuba ngumsasazi kwisikhululo sasekuhlaleni iNgqushwa FM uNtobeko Nkume uphume ngaphakathi echulumancile, esithi akanaxhala ukubhentsisa ukuba ivoti yakhe iwele kumabharethi abomvu. Esithi ke uyakholelwa ukuba umbutho we EFF nguwo ozoxhuzula imikhala emva kolu lonyulo
Ukanti uMsindisi Mkhonto ophuma kwiqela le ANC uthe bengulombutho abakabi nazikhalazo nakubona nto zitenxileyo ukusukela kwezintsuku zidlulileyo ukuza kuthi ga kweli lanamhlanje. Esithi eyonato ibavisa kamnandi kukuba namaqela ezopolitiko aphikisayo awabonakalisi bundlobongela koko ubona nje ulonyulo olunocwangco

