Kulindeleke usuku lonyulo olunoxolo eMthatha ngomso nanjengoko abasemagunyeni bethethisene nabaphathi beeteksi

Isebe lezothutho kwiphondo leMpuma Koloni libhengeze ukuba uvoto kunyulo lukazwelonke ngoLwesithathu umhla wamashumi amabini anesithoba (29) kuCanzibe kulindeleke ukuba luqhubeleke ngaphandle kwesithintelo eMpuma Koloni kuquka isiphithiphithi saseMthatha neendawo ezingqongileyo emva kwendibano ebonise iziphumo ezincumisayo phakathi kukarhulumente, abaphathi beeteksi, iinkokeli zeANC ephondweni namapolisa eMthatha ekuqaleni kwanamhlanje.

Kukholelwa ukuba iBorder Alliance Taxi Association ibikhokele kuqhanqalazo lwangoMvulo umhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) olutshabalalisayo nolunobundlobongela olukhokelele ekuvalweni kombindi-dolophu waseMthatha, ukuphangwa kwabantu abaninzi, ukuzama ukuhlasela isikhululo seenqwelomoya saseMthatha, kwachaphazela usuku lokuqala lweevoti ezikhethekileyo. Kubizwe abaphathi boMbutho weeteksi ukuba baphendule.

UMphathiswa woPhuhliso lwamaShishini amaNcinci, uStella Ndabeni-Abrahams, uMphathiswa wezoThutho, uXolile Nqatha, uMkomishinala wamaPolisa ePhondo, uNjengele Nomthetheleli Mene kwakunye neenkokeli zomasipala wesithili kunye noSihlalo we-ANC wePhondo.

Iinkokeli zeBorder Alliance zivakalise ukuzisola kakhulu ngokwenzeke eMthatha izolo kwaye zikhuphe uxolo eluntwini ngenkxamleko emandla kunye nokubandezeleka koqhankqalazo olubangele inkxwaleko kubantu abamsulwa, kunye namashishini. Abaphathi beeteksi bathembise ukuba bazakufumana iindlela zoxolo zokusombulula nayiphi na imiba kwixesha elizayo kwaye bazibophelele kwakhona kwisiVumelwano soXolo esisanda kutyikitywa.

Urhulumente ukhawuleze waveza ukuba uthethathethwano alwenzelwanga ukukhulula nabani na ekwenzeni okubi. UMphathiswa wezoThutho uXolile Nqatha uthe uthethathethwano lwanamhlanje lwenzelwe ukufumana izisombululo ezisisigxina kuphela kule ngxaki nokuzama ukunqanda ukuphinda kwenzeke into efana naleyo yenzeke izolo.

“Siyicacise loo nto kubo ukuba umthetho mawuthathe inyathelo kuye nabani na obanjiweyo watyholwa ngolwaphulo-mthetho olwenze ngexesha lesenzo sakhe. Lo nto siyityala kwinginginya yabantu bethu abajonge kuthi ukuba siphakamise kwaye sinyanzelise umthetho weli lizwe. Into ebesinayo apha ibiluthethathethwano olunyanisekileyo lwento eyenzeke izolo kwaye sijonge iindlela zokusonjululwa ngoxolo kuko nakuphi na ukungavisisani ukuze kuthintelwe ukuphinda oko kwixa elizayo,” utshilo uMphathiswa uNqatha.

Urhulumente uzibophelele ekubeni neengxoxo ezifanayo neminye imibutho yeeteksi kwixesha elizayo elingekude. Kwingxelo yesebe lithe iziphumo zale ndibano zinika ithemba kunyulo olunoxolo nolungenasehlo, nanjengoko amagosa ogcino-mthetho, athe atyalwa ngamanani kweli phondo, ethe gqolo ukubeka iliso kuphuhliso lwaseMthatha ngokukodwa nakwiphondo liphela.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19 ° C
19 °
19 °
50 %
6.6kmh
93 %
Mon
24 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °

EZITHANDWAYO INDABA