Basixhenxe (7) abangeneleli ngokungekho mthethweni ababanjelwe ukungabi namaxwebhu afanelekileyo okuhlala eMzantsi Afrika.

By Lilitha Phenduka.

Inyathelo elitsha elisekiweyo lokuncedisa ukulwa ulwaphulo-mthetho kunye nokuqhuba phantsi kwempembelelo zotywala okubangela iziphumo ezingentlanga liqalile eMpuma Kapa.

Le ndibano yoMhloli woTywala kuMasipala waseNelson Mandela Bay wamapolisa iyaqhuba namhlanje kwi-Auditorium yaseSouth End Fire Station.

Ngentsebenziswano nenkonzo yamapolisa oMzantsi Afrika, iSebe labangeneleli abavela kwamanye amazwe, kunye neSebe loMbane kwakunye neSebe lezaMandla, liqhube umsebenzi ophazamisayo wotywala, eNew Brighton.

Eli phulo libandakanya ukuhlolwa kwezithuthi, nto leyo ekhokelele kwisohlwayo zendlela ezixabise amashumi amathathu amawaka anamakhulu asixhenxe (R30700,00) eerandi.

Isithethi seSebe lezoThutho eMpuma Kapa u-Unathi Binqose uhlomle ngelithi eliphulo lizakuncedisana kakhulu nemiba yeengozi ezixhaphakileyo.

“Samkela nabani na oncedisana nathi ukulwa izinga lee ngozi ezindleleni ukulwa umkhuba wabantu abaqhuba bekwimpembelelo zotywala nto leyo eyenza kunyuke amanani weengozi kwiphondo lethu.”

Lo ka Binqose ukwathe uyathemba ukuba sisiqalo sephulo elizakusungulwa nakwezinye izixeko kwilizwe liphela kwaye urhulumente kufuneka enze kangangako anako ukuncedisana nalamaqumrhu.

“IDemocratic Alliance ikholelwa ukuba inkcitho kweli phulo kwiindawo ezisemaphandleni izakuphucula ulungelelwaniso phakathi konyanzeliso lomthetho kunye nokukhuthaza ubuchwepheshe obuzakwandisa kakhulu ukusebenza, kwakye ukwakha le mpumelelo kufuna ukudibanisa imisebenzi edibeneyo kwisicwangciso solwaphulo-mthetho esibanzi esiya kuqinisekisa ukuba izibonelelo zabiwa ngokufanelekileyo kunye nenqanaba elinamandla lenkxaso evela kurhulumente wonke,’ ihlomle inkokeli ye-DA eMpuma Kapa, uVicky Knoetze.

Ukwathe bengumbutho we Democratic Aliance (DA) bazakuxhasa eliphulo ngokwandisa inkxaso-mali, ukwandisa iinkqubo zoqeqesho kunye nokukhuthaza ubambiswano olusondeleyo. Ugxininiso oluphambili kufuneka lube lutyalo-mali kwiinkqubo zolutsha ezifana nezibonelelo zemidlalo kunye nophuhliso lwezakhono eziya kubonelela njengenye indlela eyakhayo kunokubhenela kulwaphulo-mthetho.

Umasipala ombaxa ukwathe eli phulo lijolise ekuqinisekiseni ukuba ziyathotyelwa ukubhaliswa izithuthi ukuba zibesemgangathweni ezindleleni. Izithuthi ezininzi ezingabhaliswanga zichongiwe, kwaye kwakhutshwa izohlwayo ezininzi ngezokhuseleko ezindleleni ezahlukeneyo kunye nokwaphulwa kwemithetho yendlela.

Eli qela likwatyelele enye yee venkile, nalapho lifumanisa khona ummi wasemzini ongekho mthethweni obandakanyeka ekuphazamiseka kombane, nto leyo ebangele ukuqhawuka kombane kunye nesohlwayo seshumi elinambini lamawaka (R12000,00).

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA