By Siphiwo Boqwana.
IBanyana Banyana iwuphumelele umdlalo wayo wokuqala neqela lebhola ekhatywayo lamanina aseLesotho ngenqaku elinye kwiqanda (1-0) kumabala e-Khampasi yaseSoweto kwiDyunivesity yase-Johannesburg ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesibini (22) kule inyanga yoMdumba 2025.
Eli nqaku nekuphela kwalo kulo mdlalo lifakwe kumzuzu wamashumi amahlanu (50) kwisiqingatha sesibini (2) somdlalo lifake nguNobahle Mdelwa, iyipenalti.
Umqeqeshi wamanina eBanyana Banyana Desiree Elis ulungiselela ukukhusela intshinga yabo ye-Women’s African Nations nezakubanjwa kulonyaka ka2025 kwinyanga yeKhala, e-Morocco. Lo mqeqeshi uzama konke okusemandleni ukuba iqela lakhe alijonge nkalo zonke afake abadlali ebadibanisa nabatsha khonukuze abone elonaqela liluqilima nazakuthi akhusele ngalo le ndebe.
Umdlalo wokugqibela nongumdlali wesibini (2) phakathi kwamanina oMzantsi namagqiyazana aseLesotho ungomso kwakwidyunivesiti yase-Johannesburg kwiKhampasi yaseSoweto ngoLwesibini ezintsukwini umhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kule imiyo inyanga.

