Baswela amanzi kunye no mbane abahlali bakwilokish yaseNompumelelo, eMonti.

Sekulithuba abahlali bakwilokishi yaseNompumelelo (eGqobhasi) bephelelwe ngamanzi kunye nombane ongekhoyo ixesha elide. Kukwavakala ukuba umbane wona ukhona kwezinye izitrato kodwa umfiliba kwezinye, lo nto yenze ukuba kumoshakale impahla yabantu esebenzisa umbane.

Sekuzinyanga eziliqela umbane unengxaki umane ulungiswa uphinde umoshakale, iiTransformers zidubule ziphindwe zilungiswe kodwa akubikho tshintsho. Kanti kwelinye icala amanzi wona aqale ukuba yingxaki ngexesha leemvula ezinkulu ebezinetha ephondweni.

Abahlali bama umngcelele omde befolela amanzi kwindawo aphuma kuzo kuquka eholweni yoluntu.

Omnye wamalungu oluntu uthe “Kumele sihambe umgamo omde sibuye sithwele amapheyile kanti kwelinye ixesha kumele siwele indlela siye kucela kwindawo zabelungu.”

“Kuye kunyanzeleke siwathenge ebafaneni abawathuthayo kwezindawo afumaneka kuzo okanye siyowathenga eBeacon Bay Crossing okanye eRetail Park” utshilo omnye wabahlali.

Ukanti omnye umhlali wakwisitalato saseMgwali uphawule wathi “Thina eMgwali sivote kungekho mbane, amanzi aphuma ebusuku kuphela ngamaxesha amaninzi kwaye into yokumka kwamanzi ayiqalanga ngoku emva kweemvula ebezisina ngamandla kudala yaqala eqalile nje unyaka”. Uphinde waphawula ngelithi kunyaka odlulileyo ka2023 bahlala into engapha kweenyanga ezintandathu bengenawo umbane kodwa bayaqhubeka bayavota.

UNwabisa Mcwabeni ongukhansela wewadi uthi “Ingxaki yamanzi nombane yingxaki yakudala kusukela ngonyaka ka-2014 kwiprojekthi yokulungisa into zoluntu”.

Waze wathembisa ukuba yena uzalenza utshintsho ukwenzela abantu bafumane umbane namazi.

Ubuye wathi “kwenziwa uthungelelwaniso osisigxina oyingxenye yokulungiswa kwamanzi ezokwenza kungaphazamiseki ukuphuma kwamanzi ezitepini zonke”.

By Ongeziwe Ntondini.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
23.4 ° C
23.4 °
23.4 °
35 %
6.3kmh
39 %
Mon
24 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °

EZITHANDWAYO INDABA