12.5 C
King William's Town
Saturday, September 7, 2024

Iqela le-MK lisingise e-ConCourt ngelizama ukunqanda ukufungiswa kwamaLungu ePalamente.

Umbutho weMK uthi uyalele amagqwetha awo ukuba afake amaphepha kwinkundla ephakamileyo ukuthintela ukufungiswa kwamalungu eNdlu yoWiso-mthetho.

Umbutho woMkhonto weSizwe (MK) ufuna ukuvala ukuhlala kwePalamente okokuqala emveni kolonyulo lwalo nyaka ka2024. Kwingxelo yamajelo eendaba ekhutshwe ngeCawe, umhla wethoba kweyeSilimela 2024. Lo mbutho uthe uyalele amagqwetha awo ukuba afake amaphepha kwiNkundla yoMgaqo-siseko ukuthintela ukufungiswa kwamalungu eNdlu yoWiso-mthetho.

Lo mbutho, okhokelwa ngowayesakuba ngumongameli weli uJacob Zuma, uthi zininzi izitenxo ezingekasonjululwa malunga nolonyulo lukazwelonke. AmaLungu ePalamente e-MK Party aceba ukuyikwaya iPalamente de kusonjululwe iingxaki zeziphumo zolonyulo.

NgoLwesihlanu umhla wesixhenxe (07) kweyeSilimela 2024,, iMKP ibhalele iJaji eyiNtloko kunye noNobhala wePalamente, licela ukulibaziseka kwindibano yokuqala yePalamente, njengoko inenjongo yokuphikisa ukuba semthethweni kweziphumo zonyulo luka-2024.

I-MK ithi ukuba amalungu ayo angamashumi amahlanu anesibhozo (58) ebengayi kwindibano yokuqala, ikhoram ibingazukuhlangatyezwa.

Nangona kunjalo, uNobhala wePalamente uXolile George ngaphambili uxelele ijelo lephepha-ndaba i-Eyewitness News ukuba ngamalungu alikhulu elinamashumi amathathu anesine kuphela afunekayo ukuze kufikelelwe kwikhoram.

“Ngokupasisa amatyala kunye nayo nayiphi na imiba udinga uninzi lwamalungu kodwa kuwo nawuphi na omnye umcimbi, udinga isinye kwisithathu semicimbi yaloo ndlu, loo ndlu iyiNdlu yoWiso-mthetho.”

Kulindeleke ukuba iJaji eyiNtloko uRaymond Zondo abhengeze indibano yokuqala yePalamente kule veki. UZondo uzakuchophela ulonyulo lukasekela-somlomo noSomlomo wePalamente.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
82 %
1.2kmh
97 %
Sat
12 °
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks