19.2 C
King William's Town
Wednesday, October 9, 2024

Baswele indawo yokufihla indawo iintloko abahlali abatshalweyo.

Libatshonele emini abahlali baseGqobhasi ngelixa kusitsha amatyotyombe ngu mlilo ongaziwayo ukuba uvela phi.

Batshelwe ngamatyotyombe abo abahlali baseGqobhasi eSqikini Emakwapheni phantsi kwelokishiniNompumelelo (Gqobhasi) eMonti, ngomhla wethoba (09) kweyeKhala 2024. Ngokwengxelo ezivelayo kuvakala ukuba lomlilo uye watshisa amatyotyombe amathandathu (6).

Ngelishwa okanye ngethamsanqa izicima mlilo zifike abahlali selebeqhuba ukuzama ukuwucima umlilo noye wakwazi ukunqandeka.

Kuphando oluncinci osele lwenziwe kuvakala ukuba unobangela walomlilo zizinyoka.

Kulamatyotyombe mathandathu, amabini akhange akwazi ukuvulwa kuba abanikazi bawo bebengekho bephangele kwaze kwatsha yonke into ibingaphakathi.

Ukanti omnye wabahlali nogama linguMfundo Siwayi uthi “Kuba bekusemini sizikhuphile impahla singabahlali kodwa kwamanye bekutixiwe khange sikwazi ukuwaqhekeza.”

Ubuye waqinisekisa ukuba akukho mntu wonzakeleyo okanye obhubhileyo kwesisiganeko.

UCeba Nwabisa Mcwabeni uthe unobangela walomlilo zizinyoka, kukholelwa ukuba abahlali batsale umbane ngokungekho semthethweni kwipali zombane wakwaEskom ezingena eMonti.

UCeba waseNompumelelo uthi bengumasipala kunye neenkokheli zamasebe oLawulo lweeNtlekele, uSASSA kunye neSebe leMicimbi yezeKhaya bangenelele kwaye bazakunikeza nangenkxaso yeeVawutsha ezixabisa amawaka amabini eerandi.

Umbutho weGift of the Givers nawo uthe uzakunikela ngezibonelelo zokutya kunye neengubo. ISebe lokuHlaliswa koLuntu lona lithe lizokunikela ngezinto zokwakha. Kanti neSebe leMicimbi yezeKhaya izakwenzela amaxhoba izazi mahala.

Kananjalo omnye wabahlali uthi yena yonke lento yenzeke engekho kodwa ke uye wafonelwa wabayalela uba baqhekeze bakhuphe yonke into engapakathi.

Amapolisa eSikhululo iBonza enze isqinikiseko sokuba akukhomntu uzakuzama ukuthatha impahla engeyoyakhe ngokungekho semthethweni.

By Ongeziwe Ntondini.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
19.2 ° C
19.2 °
19.2 °
43 %
2.9kmh
3 %
Wed
22 °
Thu
37 °
Fri
26 °
Sat
35 °
Sun
26 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks