Kulindeleke ukuba kutyelelwe usapho lwaseCrossroads eNgqushwa, emva kokuba umama womtwana ebethe ze wantumeka ngomlilo intombazanyana yakhe eneminyaka emibini.
Owasetyhini oneminyaka engamashumi amane ananye (41) ubudala utyholwa ngokubetha ze wantumeka usana lwakhe ngomlilo kusana lakhe oluneminyaka emibini (2) ubudala, kwilali yakwa Crossroads eNgqushwa.
Ngokwengxelo epapashwe kwikhasi lonxibelelwano uFacebook weKhula Development, le-ofisi izakutyelela ikhaya lolusapho ngentseni yangoLwesithathu umhla weshumi (10) kweyeKhala, ikhokhelwa ngophuma kweliqumrhu olwela amalungelo oluntu nabantwana uPetros Majola. UMajola ukwamemelele iinkokheli zakwaLizwi, iinkokheli zemveli kunye noluntu ngokubanzi ukuba kunikezelwe ngenkxaso yasemphefumlweni kolusapho.
USodolophu womasipala waseNgqushwa, uSanga Maneli, uSihlalo wekhokhasi yamanina kuledolophu uThobeka Dinginto kunye noCeba wendawo uNomathemba Lawu bavakalise ukudana sesisiganeko esikumila kunje, batsho besithi noko kufaneleke ukuba omama xa bephantsi koxinizelelo lwengqondo baze ngaphambili ukuze bafumane uncedo.
By Zimbini Mdolomba

