36.1 C
King William's Town
Sunday, January 26, 2025

Batsho phantsi isitya sigcwele onqevu nabebezama ukuphanga imoto yemali

Baphange bexhobile abahlaseli besithuthi semali yakwaG4S kuhola wendlela uN2 phakathi kweNtabozuko(Berlin) neBreidbach ngokuhlwa kwayizolo. Kuthe kanti batsho phantsi isitya sigcwele kuba lomizamo iye yaphanza.

Isithethi sooKhetshe ePhondweni uKapteni Yolisa Mgolodela uthi ooNogada baphulukene nomkhono weKati ngethuba lohlaselo. Ukanti kuvakala ukuba abezohlangulo bafike sele bebalekile onqevu nabebekwisithuthi eso besisitsha. Uthi akukho mali ilahlekileyo kuba akukho kwanto eqhushumbileyo ngethuba lohlaselo.

UMgolodela uthi zibini izithuthi eku rhaneleka ukuba zibandakanyeka kolu hlaselo, yi Mercedes-Benz nefunyenwe isitsha kwindawo yoxhwayelo kunye neFord Ranger nebisetyenziswa ngaba rhanelwa.

Uthe kusaqhutywa uphando malunga noluhlaselo. Ukwathe akukabanjwa mntu kwesi siganeko.

Amatyala okuphangwa kwemali anyuke ngendlela ekhwankqisayo kweli nalapho ukuqweqwediswa kwezithuthi kunyuke nge 24% kwaye ukuxhwilwa kweelori kunyuke ngo 20% ngokwee nkcukacha manani ezithiwe thaca kwikota yesibini yonyaka ngu Mphathiswa weSebe lezoThutho, uKhuseleko no Nxibelelwano uXolile. Nqatha eMonti izolo.

Ingxelo: Zintle Madikane

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
36.1 ° C
36.1 °
36.1 °
29 %
4.1kmh
0 %
Sun
35 °
Mon
22 °
Tue
30 °
Wed
37 °
Thu
36 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks