36.1 C
King William's Town
Sunday, January 26, 2025

Ngephanyazo nje, angabiwa umtwana wakho zizigilamkhuba ezixhwila abantwana

Amapolisa alumkisa abazali ukuba ‘ngokuqhwanyaza nje kweliso’, umntwana angaxhwilwa ngomzuzwana ngoko ke kubaluleke ukuba abantwana bahlale besenehlweni omzali.
Esi silumkiso siza emva kokuba intwazana enonyaka(1) kuphela izelwe ithe yaxhwilwa kwitroli yokutya ngethuba umtwana eqhutywa ngabazali bakhe kwivenkile yakwa Cash & Carry eCleary Park ngenjikalanga yayizolo umhla we 5/09/22. Kuvakala ukuba makunga ngmentsimbi yesibini emini(14:00) abazali bomntwana(23 no 28) ubudala babethenga kulevenkile umntwana echophile ngaphakathi kwi trolley. Abazali bebesajonge ecalebi babexakekile bevule ifrijini. Kuthwa kubekho owasetyhini oye wachukumisa lomtwana emva koko wamshiya. Kuthe kusenjalo kwimizuzu nje embalwa omnye esukile kwafika omnye wasetyhini novele waxhwila umtwana wemka naye.
Uthe xa ejika utata,wabona umntwana engekho etroluni, ngokukhawuleza wabaleka esiya kunigada emnyango. Uthe xa ezovala iingcango unogada, owasetyhini wokuqala walatha kutata enxelela ukuba umntwana ukunye nomrhanelwa wesibini.
Esisibini sirhanelwa ngokuxhwila umtwana siphike soma ngelithi bona bebedlala nabazali.
Esisibini kunye nabazali bomtwana baye babuzelwa amapolisa. Amapolisa aye azimasa kwaye bobabini abarhanelwa kunye nabamangali basiwe kwisikhululo samapolisa kwaye kwavulwa ityala lokuxhwila.
Abasetyhini, abaneminyaka engamashumi amahlanu ananye(51) kunye namathandathu(56) ubudala bavalelwe. Uphando luyaqhuba.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
36.1 ° C
36.1 °
36.1 °
29 %
4.1kmh
0 %
Sun
35 °
Mon
22 °
Tue
30 °
Wed
37 °
Thu
36 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks