Abarhanelwa ababini kulindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi yaseBredasdorp namhlanje ngezityholo zokuxhwila, kunye nokuphanga. Isithethi samapolisa uLieutenant Colonel Malcolm Pojie uthi indoda eneminyaka engama-25 ubudala kunye nomhlobo wayo wasetyhini oneminyaka engama-42 ubudala baqweqwediswe ngenqwelo-mafutha bekhonjwe ngompu eGansbaai ngokuhlwa ngoLwesibini.
Uthi emva koko le ndoda yanyanzeleka ukuba ikhuphe imali kwi-ATM yaseBredasdorp malunga neekhilomitha ezingama-70.
UPojie uthi iinkcukacha zeveni yexhoba zisasazwe kumapolisa asekuhlaleni athe ayibona isithuthi phambi kwentsimbi yeshumi ebusuku.
Uthi xa amapolisa ezama ukumisa iveni, umqhubi wabaleka kwaza kwalandela isantya esiphezulu saleqa.
Amalungu esipolisa akwazile ukuvalela iveni kwaze kwanyanzeleka ukuba umqhubi amise.
UPojie uthi kuphela ixhoba lasetyhini elifunyenwe ngasemva kwiveni kwaye abarhanelwa ababini, abaneminyaka engamashumi amabini anesine kunye namashumi amathathu ubudala baye babanjwa.
Uthi ixhoba eliyindoda kubikwa ukuba lalishiywe kwi-ATM.
Kwafunyanwa umpu ongenaphepha-mvume kubo.