Bavele kwinkundla kamantyi yaseNew Brighton abarhanelwa abathathu.

Bavele kwiNkundla kamantyi yaseNew Brighton ngoMvulo umhla weshumi elinesithathu (13) kuCanzibe abarhanelwa abathathu bokukhuthuza kulandela ukubanjwa kwabo ngamapolisa ngoLwesihlanu, umhla weshumi (10) kuCanzibe, eMbeki Crescent, kwindawo yaseMasangwana eNew Brighton.

Kutyholwa ukuba ngalo mhla ukhankanyiweyo malunga nentsimbi yeshumi, ummangali wayehleli nowakwakhe kwindlela engena kwakhe ngelixa abakhi bexakekile kukulungiswa kwendlu yakhe. Waqaphela imoto yohlobo lweQuantum emhlophe apho amadoda amane ehla khona. Ababini bangena eyadini yakhe baza abanye ababini bangena emnyango. Bakhonjwe ngemipu baza bayalelwa ukuba bangene kwindlu apho kuthe kwathathwa khona imali neeselufowuni. Kwathathwa iselufowuni kwindlu esecaleni.

Amalungu esiPolisa ocwangco asabele kulwazi olufunyenweyo kwaye aphendula ngokukhawuleza.

Umqhubi wale Quantum wabaleka ngesantya esiphezulu akubona isithuthi samapolisa.

Amalungu ohliswe kwindawo yexhwayelo ngelixa umqhubi eleqa iQuantum . Umqhubi, oneminyaka engamashumi amabini anethoba (29) ubudala, wabanjwa. Amalungu esiPoliso soCwangco loLuntu nawo abambe indoda eneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) ubudala, efunyenwe izimele kwiyadi engasemva, efunyenwe enompu. Umrhanelwa utyatyekwa ityala lokuzama ukubulala ipolisa kwakunye nokuxhwilwa kwemoto ekutyholwa ukuba kwenzeka ngo-Okthobha ka-2023. Ngelixa abaphandi babexakekile kwindawo yexhwayelo, kwafunyanwa ulwazi lokuba umrhanelwa wesithathu wayezimele kufutshane. Wafunyanwa ezifihle ewodrophini endlini.

Iiselula ezibiweyo zafunyanwa kuye. Umrhanelwa wabanjwa etyatyekwa ityala lokubulala abantu abasibhozo kunye nokuzama ukubulala abanye abathathu kwisitalato iMaqanda ngoJanuwari ka2023 waze wakhululwa ngoJanuwari ka2024 njengoko larhoxiswa ityala lakhe.

Abarhanelwa bavalelwe ngesityholo sokuphanga logama ityala lokufunyanwa nemipu nembumbulu ngokungekho mthethweni liqukiwe kumatyala abekwe umrhanelwa onamashumi amabini anesibhozo ubudala.

UMkomishinala weSithili saseNelson Mandela Bay, uNjengele Vuyisile Ncata, uncome amapolisa ngokubamba abarhanelwa ngokukhawuleza. “Ukwanda kolwaphulo-mthetho kule ndawo kubangele ukuba siqinise ubukho bethu, siqinisekise ukusabela ngokukhawuleza kwezi ziganeko. Thina, besipolisa sisebenza ngokuzimisela ukuqinisekisa ukhuseleko loluntu lwethu,” wongeze watsho uNjengele uNcata.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA