Isebe lezothutho neDyunivesithi yakwaNokholeji bazakutyikitya isivumelwano

ISebe lezoThutho eMpuma Koloni (ECDoT) kunye neYunivesithi yaseFort Hare (UFH) baza kutyikitya isiVumelwano (MOA) esichaza imigaqo nemiqathango yentsebenziswano yabo ejolise ekuphuculeni ukuhanjiswa kweenkonzo kuluntu olusweleyo kwiphondo liphela ngoLwesibini umhla weshumi elinesine kuCanzibe, kwisakhiwo seTyalike iGood News eQonce.

ISebe lihlabe ikhwelo kwisiseko solwazi olutyebileyo, ubuchwephesha, kunye nezakhono zophando ezikumgangatho ophezulu zeYunivesithi yaseFort Hare ukuba ziphucule umgaqo-nkqubo osele ukho kunye nezixhobo zocwangciso ezijolise ekuphuculeni imveliso yonikezelo lweenkonzo. Isebe likholelwa ukuba oku kuya kunceda isebe ukuba likwazi ukuhlangabezana ngempumelelo neemfuno zezothutho ezijongene nabantu beli phondo.

Umphathiswa wesebe lezothutho eMpuma Koloni uXolile Nqatha, uthi umsitho wokutyikitya awuzukwenza ngokusesikweni intsebenziswano phakathi kwala maqela mabini kuphela kodwa uza kuba kukuqaphela ukubaluleka kwentsebenziswano kurhulumente ukuze athathele kwisiseko solwazi kunye nezakhono zobugcisa ezikhoyo kumaziko oluntu.

“Oku kubonisa ukuzibophelela kwethu ekuqhubeni utshintsho olunentsingiselo kunye nokusungula izinto ezintsha kwiindawo esihlala kuzo. Sikunye, siza kusebenzela ukwakha isiseko esomeleleyo sophuhliso oluzinzileyo kunye nokuphuculwa kokunikezelwa kweenkonzo eMpuma Koloni,” utshilo uMphathiswa uNqatha.

Umsitho wokutyikitya uya kuchotshelwa yiNtloko yeSebe lezoThutho, u-Andile Fani kunye noNksz Nomsa Dlamini, uMphathi weQela lesiGqeba: kwiBhunga leNzululwazi noPhando lwezoShishino eFort Hare.

Ngokusebenzisa ubuchule obudibeneyo kunye nezibonelelo zamaziko omabini, le ntsebenziswano ijolise ekuqhubeni izinto ezintsha, ukukhuthaza intsebenziswano, kunye nokuphumeza izisombululo ezisekelwe kubungqina ezijongene neemfuno eziguqukayo zoluntu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
11.8 ° C
11.8 °
11.8 °
90 %
2.7kmh
12 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA