25.5 C
King William's Town
Wednesday, February 12, 2025

Bayalelwe ibheyile abarhanelwa nggokuzama x ulubulala Igqwetha laseMonti

Abarhanelwa abathathu abayanyaniswa nenzame zokuzama ukubulala owayesakuba yijaji ebambeleyo, uCamagu Maseti, bayalelwe ibheyile kwinkundla kamantyi waseMonti ngoLwesibini, logama abanye ababini belahlile isicelo sabo sebheyile.

UMantyi uMerwin Meyer uthe urhulumente unetyala eliqatha ngakuSive noSinovuyo Maseti, kwakunye nomqhubi wabo wokubaleka kwindawo yexhwayelo uFikile Mtshemla.

Aba bazalwa bobini bayila iyelenqe lokubulala umalume wabo ngenxa yengxabano yosapho eyaqala ngo-2020.

Ewisa isigwebo sebheyile, uMantyi uMeyer uthe kukho ithuba lokuba bangaphinde babeke emngciphekweni ubomi begqwetha elineminyaka engamashumi asixhenxe ubudala, nelikwimeko emaxongo eICU kwisibhedlele sesisixeko.

Xa umcuphi, uSajini Xolisa Tyheme echasa ibheyile, wanikela ubungqina bokuba isizathu sokubethwa kukuba ezizalamana zazikholelwa ukuba uMaseti ulingcolise ingcwaba likayise.

Oku emva kokuba igqwetha lingayithobeli iminqweno yabo laza labeka ilitye kwingcwaba lomninawa walo ngelixa abatshana balo babekrokrela ukuba unesandla ekufeni kwakhe.

Ushicilelo lwevidiyo yeCCTV evela kwifemu yamagqwetha kaMaseti eVincent ibonisa abahlaseli ababini – omnye enxibe iyunifomu yamapolisa ngelixa omnye enxibe ivesti ebonisa ukukhanya – bedubula kwaye bekhupha uMaseti enamanxeba eembumbulu ezisibhozo.

Umtyholwa ujongene namatyala afikelela kwishumi aquka iyelenqe lokubulala kunye nokuba nemipu neembumbulu ngokungekho mthethweni, anokuthi agwetywe ubomi entolongweni.

UMjali ujongene nelinye ityala lokuzenza ipolisa.

U Mjali noShezi, abatyholwa ngokuba ngabadutyuli, bawastyeshele amaphepha abo okucela ibheyile ngoMvulo, logama uMtshemla oneminyaka engamashumi amane ananye kuthiwa ubancedise ngokuqhubela abarhanelwa kwindawo yexhwayelo ngeMercedes Benz esiliva yenkosikazi yakhe.

UTyheme uthe iincoko zomnxeba kuWhatsApp kaMtshemla ziveza ukuba uSinovuyo wamthumelela ifoto kaMaseti phambi kokuba adutyhulwe, ngelixa kukho nembalelwano evela kuMjali echaza ukuba yena noShezi “bawugqibile umsebenzi”.

Abarhanelwa abahlanu bazakubuyela enkundleni ngomhla weshumi elinesithandathu kuTshazimpuzi. Bonke bavakalisa injongo yabo yokuliphika ityala.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
25.5 ° C
25.5 °
25.5 °
56 %
4.5kmh
64 %
Wed
29 °
Thu
26 °
Fri
28 °
Sat
29 °
Sun
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks