Bayaphela abantu kwiindlela zePhondo leMpuma Koloni

Umntu omnye uswelekile ngelixa abanye abasibhozo befumana umonzakalo kwingozi ebandakanya ibhasi kuhola wendlela uR61 phakathi kweKomani neCofimvaba.

Isebe lezothutho eMpuma Koloni lithi abakhweli abonzakeleyo babalekiselwe esibhedlele eKomani emva kwengozi yangoLwesihlanu umhla wesihlanu kuTshazimpuzi. Kutyholwa ukuba ibhasi iye yaphelelwa ngamandla xa inyuka induli. Igama lowasetyhini obhubhileyo alikachazwa.

Isithethi sesebe lezothutho, u-Unathi Binqose, uthi ibhasi ebikhwelisa abantu isiya kumsitho wezopolitiko eCofimvaba ngethuba lengozi yenzeke. Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe ukuze kuphandwe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.1 ° C
17.1 °
17.1 °
87 %
1.2kmh
94 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA