UMkomishinala obambeleyo weSithili sase-OR Tambo uBrigadiya uVukile Ntandane uncome amajoni ahamba ngeenyawo nabonakalayo kwesisixeko ngokuzimisela kunye neenzame zawo ezingadinwayo ekulweni ulwaphulo-mthetho kwiSithili nanjengoko ebambe abarhanelwa ababini kumatyala amabini awohlukeneyo kwiSithili sase-OR Tambo.
Kwiphulo lobuntlola eliqhutywa yiDistrict Task Team elizinze eMthatha likhokelele ekubanjweni komrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) ubudala kwingingqi yaseQebeyi, kuTsolo izolo, umhla weshumi elinesibini(12) kweyeKhala malunga nentsimbi yesibini ngenxa yokuba nompu (9mm pistol) 9ongenampepha-mvume, onenombolo ecinyiweyo kunye neembumbulu. Umrhanelwa ubanjwe ekhayeni lakhe, kwaye ubengenayo imvume yokuba nompu onjalo. Uvalelwe kwisikhululo samapolisa akuTsolo ngezityholo zokuba nompu kunye neembumbulu ngaphandle kwempepha.
Kwesinye isiganeko eLibode, amapolisa alunywe indlebe ngepolo vivo sedan (hatchback) engwevu engena nombolo pleyiti zobhaliso ipakwe kwindawo echongiweyo. Amapolisa aphendule ngokukhawuleza abamba indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesibini (32) yaseAfrica eWillowvale ngokufunyanwa nemoto ekutyholwa ukuba ibiwe kwaye ikwaneeselula ezine ekucingelwa ukuba ziphangwe eMsobomvu, eGcuwa ngethuba kuphangwa umzi apho kwakubiwe khona isithuthi. Umrhanelwa uvalelwe kwisikhululo samapolisa aseLibode ngezityholo zokuba nemoto neselula ekutyholwa ukuba zibiwe, ukwajongene netyala lokuphanga indlu eGcuwa.
Esi sibini siza kuvela kwiinkundla zamatyala kuTsolo naseLibode ngoMvulo, umhla weshumi elinesihlani (15) kweyeKhala.
UBrigadiya uVukile Ntandane uncome uncedo loluntu ekwabelaneni ngolwazi namapolisa malunga nolwaphulo-mthetho olwenzekileyo watsho ebakhuthaza ukuba baxele naziphi na izenzo zolwaphulo-mthetho kwinombolo yeSAPS CrimeStop 08600 10111.