Umphathiswa wesebe lezothutho uXolile Nqatha uzibandakanye nabazili kwinkonzo yomngcwabo wezalamane ezintlanu zaseArends nezakwaKopsani ezibhubhe kwingozi yemoto kuhola wendlela uR63 phakathi kweBedford neAdelaide ngoMgqibelo odlulileyo.
Ababhubhileyo ngumyeni nenkosikazi yakwa-Arends kwakunye nentombi yabo eneminyaka esixhenxe (7) ubudala yase-Arends. Ngelixa bephuma kusapho lakwaKopsani, abasebukhweni babo ibingumama nentombi yakhe ekwishumi elivisayo inkonzo yomngcwabo izakubanjelwa kwiholo yoluntu eMsobomvu eBedford.
Lendyikityha yokufa iza emva kokuba imoto enye iphulukene nolawulo yaza yabhukuqa kuhola wendlela uR63 eBedford ukuya eAdelaide.
Le ngozi yenzeke ngobusuku bangoMgqibelo umhla wesithandathu (6) kulenyanga kwimizuzu nje engamashumi amabini ibethile intsimbi yeshumi (22H20) kwi Khilomitha ezintathu (3km) xa uzakungena kwidolophu yase Adelaide.
Isithuthi sakwaRenault Sandero sasisuka e-Adelaide sisingise e-Bedford, sinabakhweli abasixhenxe (7) ababhinqileyo bebathandathu (6), nendoda kuquka intwazana enesixhenxe (7) seminyaka ubudala
Iingxelo zaveza ukuba umqhubi uphulukene nolawulo lwesithuthi, sabhukuqa, kwasweleka abantu abane (4) kwindawo yexhwayelo, ngelixa omnye eye wabhubha ekufikeni kwakhe kwisibhedlele saseBedford.

