Amapolisa aseRhini aphanda ityala lokuphanga ishishini elithile emva kokuba amadoda amathathu athe aphanga ivenkile yempahla ekwisitalato iHigh Street, eMakhanda emva nje kokuba kuthe kwavulwa iingcango zelishishini ngeCawe kusasa umhla we (28 November 2021)
Iingxelo eziphuma kwinkonzo yesipolisa ngentsasa yanamhlanje zichaza ukuba malunga nentsimbi yesithoba(9am) kusasa, kutyholwa ukuba amadoda amathathu ngenani aphange levenkile, enye kuwo ixhobe ngompu egaleleka ngetshova kwivenkile yempahla ekwisitalato iHigh Street. Kuvakala ukuba agrogrise abasebenzi abathathu ngethuba befuna imali. Kuthiwa ababarhanelwa bakwazile ukuba isixa-mali esingachazwanga, iiselfowuni kunye neziqholo. Kukholeleka ukuba bekusetyenziswa isithuthi sohlobo lweveni yakwaNissan njengesithuthi sokubaleka.
Amapolisa abongoza nabani na onokuba nolwazi olungakhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa ukuba aqhagamshelane nesikhululo samapolisa esikufutshane. Ezi nkcukacha kusenokwabelwana ngazo kusetyenziswa iCrime Stop 08600 10111

