Umlilo utshise abathathu

Ngabantu abathathu(3), abadala ababini kunye nomntwana omncinci abathe phulukana nobomi babo kumlilo otshise ikhaya labo ngentseni yanamhlanje umhla we 28/11/21 kwilokishi yaseGqeberha Kwadwesi.

Iingxelo ezize ngaphambili zichaza ukuba malunga nomkhono emva nentsimbi yeshumi elinesibini(00:15) kwisitalato iMkonto, eGovan Mbeki Kwadwesi, inkosikazi ethile ivuswe sisandi sika-anti wayo ekhala ecela uncedo. Uthe xa esondela kwigumbi lika-anti elo eva isandi siphuma khona, wabona umsi uphuma egumbini. Lowasetyhini ukhawuleze ekunye nabanye abathathu ababelapho ekhayeni babalekela ngaphandle beyokuzama uncedo eluntwini.

Abamelwane bazamile ukuwucima lomlilo kodwa ngelishwa abakwazi ukuphumelela.

Amaxhoba omathathu, uThembakazi Schoeman, owasetyhini oneminyaka engama-52 ubudala, uZamekile Mama, naye oneminyaka engama-52 ubudala (oyindoda) kunye no-Inam Tyali, inkwenkwana eneminyaka elishumi elinesibini(12) ubudala nababekweli gumbi babhubhe ngenxa yomlilo.

Unobangela wawo awukaziwa kwaye amapolisa avule iphulo lophando.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA