11.2 C
King William's Town
Thursday, October 3, 2024

Bebezithaphulela kwizidumbu eSenary Park, ngoku bajongene nengalo yomthetho.

SCENERY PARK

Inkqubo yophando ngesehlo saseNyobeni esenzeka ngentseni yangeCawe umhla we 26 June 2022 sikhokelele ekubanjweni kwamadoda amane(4) ingabarhanelwa abaphakathi kweminyaka elishumi elinisithandathu (16) ukuya kwengamaShumi amabini nanye (21) ubudala. Abarhanelwa batyholwa ngoku bayabandakanyeka kubusela bempahla zabangasekhoyo e-Enyobeni Tavern, eScenery Park.

Oku kubanjwa kulandela uphando olwaqala emva kwengxelo yokubhubha kwabantwana abangamashumi amabini ananye kwindawo yaseSenery Park. Unobangela wokufa awukafunyaniswa emva kokuba iziphumo zokugqibela zenziwe ukuba zifumaneke kwilebhu yophando-nzulu.

Njengenxalenye yophando oluqhubekayo lokuhlolwa kolwaphulo-mthetho, abecuphi be-SAPS balandele iinkcukacha ezithe zabangela ukuba kubanjwe abarhanelwa ekukholelwa ukuba babebandakanyeka ekubiweni kwinzinto zabo bangasekhoyo.

Abathathu kwabarhanelwa babanjwe ngoLwesine umhla wama-21 kuJuly 2022 ngelixa omnye, umntwana oneminyaka eli-16 ubudala ubanjwe ngoLwesihlanu umhla wama-22 kaJuly 2022 bephuma kumakhaya abo eScenery Park. Umntwana oneminyaka eliShumi elisithandathu (16) ubudala unikezelwe elugcinweni lwabazali bakhe ngokoMthetho woBulungisa waba Bantwana omisela ukuba umntwana ongaphantsi kweminyaka yobudala akavumelekanga ukuba avalelwe kwizisele zamapolisa.

Izinto ezibiweyo nezifunyenweyo ziquka izihlangu, inwele, iimpahla kunye newotshi yabanye babantwana ababhubhe ngethuba lesi sehlo. Ezinye zezinto ezibiweyo ziye zachongwa ngokuqinisekileyo ziintsapho ngelixa ezinye zingekachazwa. Bafunyenwe kumakhaya abarhanelwa. Amatyala obusela, ukuba nezinto ekurhanelwa ukuba zibiwe, Ukoyisa iziphelo zoBulungisa abhaliselwe uphando olongezelelweyo. Abarhanelwa ababanjiweyo abadibananga nokubhubha kwabantwana abangamashumi amabini ananye, njengoko kungekho bungqina bubonisa ukubandakanyeka kwabo okwangoku.

Uphando lokufumanisa unobangela wokufa lusaqhuba. Ngexesha elifanelekileyo, iintsapho ezichaphazelekayo ziya kwaziswa.

Bobane abarhanelwa kulindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi yaseMonti ngoMvulo umhla wamashumi amabini anesihlanu kweyeKhala ngo2022.

Ingxelo:Anita Qubula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
11.2 ° C
11.2 °
11.2 °
88 %
2.6kmh
69 %
Thu
25 °
Fri
32 °
Sat
36 °
Sun
33 °
Mon
17 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks