15.2 C
King William's Town
Wednesday, December 4, 2024

Cyril Ramaposa: Uthi sesizakuyoyisa kweli into kacimi-cimi wombane.

Umongameli weli uCyril Ramaposa ebesenza intetha yakhe neSizwe soMzantsi Afrika, enikeza ithemba kumceli-mngeni elilizwe elijongene naye kacimi-cimi wombane. Uthi Ngokuhamba kwexesha eminyakeni , inkqubo yokugcinwa kombane ka-Eskom iye yehla.
Ngoku kugqitywe ekubeni kwiinyanga ezilishumi elinesini(12) ezizayo, u-Eskom uza kwandisa uhlahlo lwabiwo-mali olwabelwe ukulungiswa okubalulekileyo ukwandisa ukuthululwa komthamo walenkampani wokuvelisa umbane.

Ukwathe benguRhulumente bayacutha (ired tape) eyenze kwanzima kuEskom ukuthenga izixhobo zokulungisa kunye nezixhobo ngexesha elifunekayo ukuze aqalise ukulungisa. Omnye wemiceli-mngeni athe uEskom wajongana nawo kukunqongophala kwabasebenzi abanezakhono neenjineli.
Eli candelo ngoku liqesha abasebenzi abanezakhono, kuqukwa nabaphathi beeplanti eziphezulu zakwa-Eskom neenjineli ezivela kwicandelo labucala.

Aba basebenzi banezakhono baya kuxhasa abasebenzi abohlukeneyo kwaye bancede ekuqinisekiseni ukuba iinkqubo zokusebenza nokugcinwa komgangatho wehlabathi ziyabuyiselwa.
Kwezi nyanga zintathu zizayo, u-Eskom uza kuthatha amanyathelo awongezelelekileyo ukongeza umthamo omtsha wokuvelisa kuthungelwano lombane ngokungxamisekileyo.
Njengomlinganiselo okhawulezileyo, umthamo wentsalela uya kuthengwa kubavelisi bamandla abakhoyo abazimeleyo.
Ezi zizixhobo zombane ezakha umthamo ongaphezulu kunoko bekufuneka kwaye ngoku zinokubonelela la mandla agqithisileyo kwa-Eskom.
Njengenxalenye yokuhlangabezana nokunqongophala kweemegawathi, u-Eskom ngoku uza kuthenga umbane owongezelelweyo kwiijenereyitha zabucala ezikhoyo ezifana nemigodi, iindawo zokusila amaphepha, iindawo zokuthenga kunye namanye amaqumrhu abucala anamandla angaphezulu.

Ukanti kwakho lenkampani iza kusebenzisa izisombululo zombane zethutyana, ezifana neejenereyitha ezihambayo, ukongeza umthamo wangoku wokuvelisa ixesha eliqingqiweyo.
UEskom uza kuphumeza inkqubo ekhuthaza ukusetyenziswa kwamandla ngokufanelekileyo ngabathengi ukunciphisa imfuno ngamaxesha aphakamileyo(high volume)

Ukwathe bayayazi kwaye bayijongile into yetyala elikhulu lika-Eskom,elixabisa  malunga neR400 eebhiliyoni zeerandi. Uthi  etyala liyaqhuba ukuba ngumthwalo omkhulu kumandla kaEskom kwaye bazakuzama ngako konke abanako benguRhulumente ukuqubisana nalo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
91 %
1.3kmh
70 %
Wed
24 °
Thu
21 °
Fri
29 °
Sat
23 °
Sun
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks