By Luzuko Nkwenye
Ngomhla wesine kweyoMsintsi 2024, kwidolophu yaKwaBhaca abantu abadala nabaphila nenkubazeko babone sebesithiwa jize ngesidlo sakusasa luDederhu lweevenkile, ngelixa beme emgceni ngeenjongo zokwamkela imali yenkamnkam.
Abantu abadala kunye nabaphila nokukhubazeka bazifumana bengamaxhoba wengqele nendlala xa beyokwamkela imali yabo yenkamnkam. Nanjengoko kuyekufuneke balinde emgceni de bafumane uncedo, bambi abanye basuka kwindawo ezisemaphandleni, apho kuye kufuneke ukuba bavuke ngentseni basingise edolophini ngenxa yokuxhomekeka kwisithuthi esinye esiya edolophini, nto leyo iye ibangele ukuba bangafumani xesha laneleyo ukuba bazenzele isidlo sakusasa.
Oludederhu lwevenkile lithe lakuqaphela olusizi labonakalisa ubuntu, ngokuthi lisungule iphulo lokuba rhoqo ngosuku lokurhola kwabantu abadala kunye nabaphila nenkubazeko kubenesidlo sakusasa abasifumana simahla, ukuze bakwazi ukumelana nexesha lokulinda emgceni de bafumane uncedo. Eliphulo lasungulwa ngeenjongo zokuhlonela, nokwabelana ngothando nenkathalo kubantu abadala nabakhubazekileyo nanjengoko bathi bathabathe iiyure ezininzi beme emgceni bezokwamkela imali yabo yenkamnkam.
Eli phulo lenziwa rhoqo ngenyanga ngosuku lokurhola kwabantu abakhubazekileyo nabadala.
“Bahlali, kuluvuyo nochulumanco ukwazisa ukuba siphinde sabuya nephulo lenyanga nenyanga, apho siphakela abantu abakhubazekileyo nabadala isidlo sakusasa, xa beyokwamkela imali yabo yenkamnkam. Namhlanje, siphakele abantu abangaphezulu ko-350 isidlo sakusasa.”

Abantu esibaphakele esi sidlo baquka abantu abadala nabakhubazekileyo. Asisithengisi esi sidlo sakusasa, sibaphakela simahla kuba siyinxalenye yamaphulo esinawo esithi siwenze ngeenjongo zokubonisa intlonipho, uthando nenkathalo esinayo kubantu basekuhlaleni, ingakumbi abantu abadala nabaphila nenkubazeko. Bathabatha iiyure ezininzi belinde emgceni ngeenjongo zokwamkela imali yendodla, de bazifumane sele belambile” babhale benjenje kwikhasi labo lonxibelelwano uFacebook.
Ukanti ooTatomkhulu nooMakhulu kunye nabaphila nenkubazeko bavakalise umbulelo omkhulu ngokungazenzisiyo bekwakhuthaza eliphulo ukuba liqhubekeke kwaye likhule nangakumbi ngoba liyawenza umohluko omkhulu kubo.
Bayayigxininisa into yokuba uninzi lwabo luhlala emaphandleni ngoko ke kuye kunyanzeleke ukuba bavuke kusasa baphuthume izithuthi eziya edolophini, nto leyo ibenza bangafumani xesha laneleyo lokwenza isidlo sakusasa bambi abanye ababinayo banokuyenza njengesidlo sakusasa kuba ukutya akukho ngelixesha enyangeni, nanjengokuba bexhomekeke kule mali yenkamnkam ukuze babeke isonka etafileni.
UTatomkhulu uSele Mchitwa uhlomle wenjenje, “Isinceda kakhulu into yokuphakelwa ukutya xa sizorhola, ndisuke ekhaya ndingatyanga ngoku, kuba bekungekho nto ndingayitya, kwaye nokuba ibikhona bendingenofumana xesha laneleyo lokuzilungiselela oko kutya kuba kaloku ndingumntu ozihlalela yedwa kwaye nemoto bendingenokwazi ukuyifumana xa ndizoqala nditye.
“Kodwa kungoku nje ndihluthi ngenxa yaba bantwana bafike basiphakela ukutya. Kwekhu! Yanga bangangadinwa baqhubekeke bayenze lento intle kangaka, uThixo ababusise nangakumbi kwande apho bathatha khona, zonke ezindedeba zithethe apha zihluthi ngenxa yabo. Enkosi mntwanam.”


