13.8 C
King William's Town
Wednesday, November 13, 2024

Boyike abakwazi nokuchaza ukuba umhlobo(9) wabo urhaxiwe

Yikwenkwana eneminyaka elithoba(9) ubudala nethe yarhaxwa kuMlambo iOrenji eMaletswai kwiphondo leMpuma Koloni.

Ukanti amapolisa aseMaletswai afumene ingxelo ngesisehlo ngomhla we(12 January 2022 ngenkwenkwana eneminyaka esi-9 ubudala erhaxwe yabhubha ngokumasikizi kuMlambo iOrange ikunye nabahlobo bayo.

Kuvakala ukuba ibingamatyendyana amathathu aneminyaka ephakathi ko-9,8 kunye nesixhenxe(7) ubudala nabaphuma keindawo yaseVULA VALA, ababengabahlobo. Esisithathu sigqibe kwelokuba bayoqubhe kwindawo engenzulwanga kuMlambo iOrange, kuthe kusenjalo ze ngephanyazo kwehla umsinga wamanzi onamandla kakhulu uvela kwindawo ephezulu usehla ze wathabatha omnye walamakhwenkwe umehlisa ngomlambo apho athe warhaxwa khona.

Abahlobo balo urhaxiweyo boyike kakhulu de abakwazi nokubaxelele abazali babo ngokwenzekileyo. Ngomhla we(12 kuJanuwari ka-2022) abazali balo mfana warhaxwayo beza kuzomkhangela kwikhaya lomnye umhlobo wakhe njengoko babecinga ukuba ulele kowabo.

Okulusizi kukuba abazali bafumane iindaba zonyana wabo oye warhaxwa ngamanzi nokuba abahloboboyikile ukusichaza esiganeko esenzekayo kubantu abadala.

Lomba uye ke waxelwe kwicandelo leSAPS lokuKhangela nokuHlangula eCraddock elafika ngomhla ngengomso umhla we(13 January 2022) ukuza kuncedisa ekukhangelweni kwesidumbu somtwana.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
13.8 ° C
13.8 °
13.8 °
85 %
2.2kmh
100 %
Wed
14 °
Thu
20 °
Fri
27 °
Sat
28 °
Sun
26 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks