Iqumrhu elizimeleyo lokuzilolonga iHercules Bootcamp ne Kumkani FM bezindwendwele amaxhoba azibhaqe engenandawo yokufihla intloko emva kwezikhukhula ezigqugqise eli leMpuma Koloni eMdantsane kwa NU1 kwiiveki ezidlulileyo.
Ukanti ibiluvuyo nogcobo kubahlali abangaphaya kwekhulu ngokufumana elithuba lokuba bafumane inkxaso kuquka nokuzivocavoce besenziswa yiHercules Bootcamp ukufumana intuthuzelo ngokwasemphefumlweni kwimeko abajongene nayo. Ukanti eliqumrhu belibambisene namaqumrhu ohlukeneyo kweliphulo kuquka neekomiti zasekuhlaleni ukuxhasa lenkqubo . Abahlali abaphuma kwiingingqi ezahlukeneyo bathe baphosa nabo esivivaneni ngeepasile zempahla , izihlangu, iiketile neengubo nazo zonke izixhobo ezinokubanika ikhefu kulemeko bakuyo phantsi kwephulo likaHercules Bootcamp.
Uceba wengingqi kwa Ward 12 u-Andile Phethani uthi babulela kakhulu ngoku kwaye nabahlali bayonwabele le kqubo. Lo ka-Phethani uqhube wathi abasemagunyeni ngomso bazazokundwendwela amaxhoba ukuzokunika inkombandlela kubahlali kuquka nokubalungiselela iindawo zokuhlala.
Inkokheli yakwa Hercules Bootcamp kweli leMpuma Ka u-Singwa Silinga uthi eliphulo kukubonisa inkxaso kubahlali kwisehlo abazibhaqe bekuso nokubanika inkuthazo, nokubaxhasa , nokubanika intuthuzelo ngokwase mphefumlweni , nanjengoko eliphulo belenze phantsi kwenkxaso yamacandelo ohlukeneyo aquka onomathotholo , herbal life namanye.
Omnye wabahlali ongafunanga kukhankanywa ngagama uthi bayayivuyela inkxaso abayifumene kweliqumrhu. Uqhube wathi banomceli mngeni emva kokukhutshwa kumabhangala ababefakwe kuwo emva kwesisehlo eMtsotso , abahlali balangingqi babakhuphe ngetshova besithi abamkelekanga nto leyo ebangele ukuba babuyele kwisakhiwo abagcinwe kuso i-Border Training Centre kwaNU1 eMdantsane. Lo mhlali ulebele ngelithi bafuna abasemagunyeni babafunele iindawo zokuhlala.



