By Lilitha Phenduka.
Ityala elijongene nowayesakuba ngutitshala kwisikolo samabanga aphantsi otyholwa ngokubulala intombi yakhe uVicki Terblanche ngo-2021 liyaqhuba kwikundla yamatyala eGqeberha.
Ngaphambili siye sanika ingxelo yokuba urhulumente ukhokhela ubungqina obufunyenwe kwizixhobo zeselula zomtyholwa uReinhardt Leach, owayethandana noVicki ngelo xesha kunye nomyeni wakhe wangaphambili, nokholelwa ukuba nguye owayengu-ngqondongqondo wokubulawa kukaVickie.
ULeach utyholwa ngokubulala uVicki ngomyalelo osuka kuTerblanche ngenyanga yeDwarha ka-2021 njengoko bobabini babekuqhawulo-mtshato kunye nedabi lokugcinwa konyana wabo omncinci.
Ngokwejelo leendaba ze-Algoa FM, imibuzo yommeli okhuselayo uJodine Coertzen iveze ukuba, uLeach uxele indlela awadibana ngayo noVicki, ukukhotyokiswa kwakhe ziziyobisi, ungcakaza, kunye nendlela awanqwenela ngayo ukudibana nendoda awayethetha kakubi ngayo, uArnold Terblanche.
Kwaye ngelixa evumile ukuba uVicki umhlabe ngesiyobisi esithile kwikhaya lakhe laseMill Park, uyaphika ukuba nguye owabeka umqamelo phezu kwakhe ukuze afuthaniseleke.
Umzimba kaVicki wafunyanwa kamva kwingcwaba elingenzulwanga eGreenbushes emva kokuba uLeach exele ukulahleka kwakhe emapoliseni.
UTerblanche ungaphandle ngebheyile kwaye uzakuvela enkundleni yamatyala ekupheleni konyaka ngelixa uLeach, osavalelweyo, ebuyele enkundleni ngale ntsasa yanamhlanje.

